IMamelodi Sundowns izuze impumelelo ebalulekileyo kwiCAF Champions League kude nekhaya. Oku kwenzeke emva kokuba iSundowns inqwamzele ekhaya iCoton Sport FC ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni obutaka iintlantsi e’Omni Sports Stadium kwisixeko saseGaroua, eCmeroon. Le yimpumelelo yesibini yeqela laseMzantsi Afrika kwiveki yesibini iqalile imidlalo yeCAF Champions League. Njengeendwendwe, iSundowns ingene ebaleni yagqagqanisa okomgqakhwe ugoduka.
Kwa kwimizuzu elishumi yokuqala kwisigaba sokuqala, iSundowns ibisele iphala phambili ngegowuli elinye elifakwe ngumdlali oyingozi, uCassius Mailula – obhakuzelise umnatha emva kwempazamo eyenziwe ngumdlali wasemva weCoton Sport FC. Kugqithe imizuzu nje yamibini, uTapelo Morena ufake igowuli lesibini emva kokudlalelwa ibhola entle nguMailula. Izamile ukuphendula iCoton Sport ebiphantsi koxinizelelo – kodwa ibhola yayo ibethe epalini ayangena emnatheni.
Iphantse yafumana igowuli lesithathu iSundowns – kodwa akwanzekanga oko ngoba ibhola kaTeboho Mokoena ichithwe yaqabela phezu kweepali ngunozinti weCoton Sport FC. Emva kwemizuzu embalwa, uPatient Wassou ubhalise ebhodini igowuli leqela ebelidlalela ekhaya. UMailula ufake igowuli lesithathu leSundowns kathi xibilili izibilini kubalandeli ngoba yonke into ibiseyicalanye. Kwisigaba sesibini, umsebenzi weDowns ibe kukukhusela umsebenzi omhle ewenze kwisigaba sokuqala somdlalo.
ICoton Sport idlale iphantsi koxinizelelo kakhulu kwisigaba sesibini ngoba. URonwen Williams uye wachitha enye ibhola ebizanywa yiCoton Sport ebizama ngayo igowuli lesibini emdlalweni. Ngoku iSundowns ihleli phezulu kuGroup B emva kokuqokelela amanqaku amathandathu emidlalweni emibini. Ngoku iintshatsheli zeDStv Premiership ziza kulungiselela ukudibana nezangxa zamaYiphutha, iAl Ahly emdlalweni wesithathu. Komnye umdlalo kaGroup B, iAl Hilal iza kudibana neAl Ahly emalanga ngeCawa.