Ezemidlalo

UNoma Plummer ulola iintombi zakhe phambi kweNetball World Cup

Pedro Mapelo|Published

Njengokuba itumente yehlabathi yomnyazi isiza eMzantsi Afrika ekuthambekeni kwalo nyaka, iSPAR Proteas iqalisa amalungiselelo wayo ngetumente eneziqwayi zamaqela ehlabathi. UMzantsi Afrika uvula unyaka ngetumente eza kuba nzima equka awona mazwe anobunganga ebholeni yomnyazi: iNgilane, iAustralia neNew Zealand. Imidlalo yala mazwe amane iza kuqala ngomhla wamashumi amabini ananye kule yoMqungu ukuya ngomhla wamashumi amabini anesihlanu eCape Town International Conventional Centre. Umqeqeshi weSPAR Proteas, uNoma Plummer, ubhengeze amagama wamabadlali abaza kudlala.

Bonke abadlali badibene enkampini ukusukela ngoMvulo wale veki eStellenbosch. “Imidlalo yovavanyo esiyidlale neZimbabwe neScotland isincedile kakhulu ngoba ngoku siyabazi abadlali abafanelwe kukubizwa liqela lesizwe kwimidlalo ekuthiwa yiQuad Series. Sidibanise iqela eliluqilima esinethemba lokuba liza kumelana namaqela amakhulu ehlabathi. Kuse kuninzi okufuna ukwenziwa phambi kwetumente yehlabathi,” utshilo uPlummer. Kanti yena uMongameli weNetball South Africa, uCecilia Molokwane, uwuncomile umqela osele wenziwe liqela njengokuba iSPAR Proteas ilungiselela itumente enkulu eKapa.

“Singumbutho olawula iqakamba eMzantsi Afrika, sizingomba isifuba ngomsebenzi owenziwe liqela lethu kunyaka ophelileyo. Abadlali bethu badlali ngokubambisana nangokukhulu ukuzimisela. Ndiqinisekile ukuba abadlali bethi abazu kuliphoxa ilizwe lethu kwitumente yehlabathi,” utshilo uMolokwane. Ifolosi ephambili yeProteas, uKarla Pretorious, ubuyela kwiqela lesizwe emva kokungabikho isithuba esingaphaya konyaka. UMzantsi Afrika uza kudibana neNew Zealand emdlalweni wokuqala wetumente. Emva koko kulandele ophakathi kweAustralia neNgilane kwangosuku olunte eKapa. Yonke imidlalo iza kusasazwa ngqo kuSuperSport Variety 4 (DStv Channel 209).