Ezemidlalo

iCameroon ibethwe ngoswazi lwayo namhlanje yiSwitzerland

Pedro Mapelo|Published

UBreel Embolo weSwitzerland ebethe iCameroon emdlalweni weFIFA World Cup obuse-Al Janoub Stadium. Umfanekiso: EPA/Rolex dela Pena

UBreel Embolo weSwitzerland ebethe iCameroon emdlalweni weFIFA World Cup obuse-Al Janoub Stadium. Umfanekiso: EPA/Rolex dela Pena

Emva kwemidlalo emine edlalwe ngamazwe aseAfrika, akukabikho nelinye elikwaziyo ukufaka igowuli neliphumeleleyo. Namhlanje emini iCameroon ibethwe ngoswazi lwayo yiSwitzerland ephumelele ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weNdebe yeHlabathi obutaka iintlantsi eAl Janoub Stadium emini. Igowuli ephumelele ngalo iSwitzerland lifakwe yifolosi egama linguBreel Embolo – ethi imbali yazalelwa eCameroon ngunina phambi kokufudukela eFrance – apho umama kaBreel wadibana nesinqandamathe sakhe saseSwitzerland. Ishwangusha lisawombethe amaqela aseAfrika nakubeni iCameroon ilahlekelwe ngumdlalo kaGroup G ebekumele ukuba iwuphumelele lula.

Isiqingatha sokuqala siphele kungekho qela elifumene igowuli. Ukuba iCameroon ibilifuna nyhani igowuli, ngeyilifumene kwintaphane yamathuba ewayekileyo. Ayingomathuba nje, abadlali bebekwiindawo ebe zinokuyonzakalisa iSwitzerland. Noxa iSwitzerland iqale yahlasela kwisigaba sokuqala – kodwa yiCameroon ebikhathaza kakhulu emdlalweni. UToko Ekambi noMbeumo maphantse bayifaka ingxakini embi iSwitzerland ebinako ukuhexa emva kancinci. Izamile ukuphendula iSwitzerland ngebhola kaXhaka ephume ecaleni. Kwisigaba sesibini, umdlalo uthathwe wabekwa kwinqanaba eliphezulu ngamaqela omabini.

Iye yasukelwa iCameroon nangona ibingayekanga ukulwa. UBreel Embolo ufake igowuli lakhe lokuqala kwitumente yehlabathi kwisiqingana sesibini somdlalo. Iquqe ibuyelela iSwitzerland kubonakala ukuba ifuna ukuyintwyilisela mpela iCameroon enabadlali abayeke amathuba alula emdlalweni. Wenze imbali kanjalo uEmbolo obe ngumdlali wokuqala ofake igowuli elizweni lakhe lokuzalwa edlalela elinye ilizwe kwitumente yehlabathi. NgoMvulo weveki ezayo, iCameroon iza kudibana neSerbia ekunyanzelekileyo iwuphumelele ukuze ihlale kwitumente yehlabathi yalo nyaka eseQatar. Ngomso, iSenegal iza kulwela ukufumana impumelelo xa idibana noosotheko, iQatar.