Ezemidlalo

URiveiro ulola izikrweqe zokubetha iDowns emdlalweni weMTN8

Pedro Mapelo|Published

UJose Riveiro ngumqeqeshi we-Orlando Pirates. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

UJose Riveiro ngumqeqeshi we-Orlando Pirates. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Abalandeli bebhola ekhatywayo bafumene inyhweba enkulu yokufumana imidlalo yeWafa Wafa esemgangathweni ophezulu. Omnye umdlalo weMTN8 ojongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli bebhola ngophakathi kweMamelodi Sundowns ne-Orlando Pirates. Umqeqeshi wePirates, uJose Riveiro, uvumile koonondaba ukuba iqela lakhe linezikrweqe ezaneleyo zokuphumelela imidlalo. Oku kuthethe phambi komdlalo weMTN8 obaluleke kakhulu kwiPirates enxanelwe iindebe ezifunwa ngabalandeli. Umoya wabadlali enkampini uphezulu emva kokufika kwabadlali abafana noNdabayithethwa Ndlondlo osuka kwiMarumo Gallants, uSipho Chaine osuka kwiChippa United noKermit Erasmus osuka kwiSundowns eza kudibana nePirates.

Ethetha neentatheli izolo emini, uRiveiro uthe: “Kuyandivuyisa ukufumana abadlali abafana naba sibafumeneyo kwiveki ephelileyo. Ngoku sinabadlali abaza kuqinisa iqela lethu ngakumbi.” Abadlali abatsha bafike kamnandi kungekho midlalo yeDStv Premiership ekhoyo ngenxa yekhefu leFIFA. “Sinezixhobo ezitsha ngoku eziza kusinceda siphumelele imidlalo yethu. Abadlali abatsha basazama ukuqhelana nabadlali bethu – kodwa yonke into isahamba kakuhle. Bonke abadlali abatsha baphilile futhi bangadlala emdlalweni osemalanga ngoMgqibelo, e-Orlando Stadium

Okuza kunika umdla kakhulu kukudlaliswa kukaKermit Erasmus osuka kwiSundowns ayishiye kungasemnandanga. Ubuyela okwesibini kekambe kwiPirates, awayishiya ngo-2016 waya kwiRenes FC yaseFrance. “UKermit ndimbone njengomdlali onamava, okrelekrele futhi okulungeleyo ukudlala. Kwakufuneka sibenawo umonde kodwa ngoba usafika. Kufuneka sicinge ngento esingayenza emdlalweni ozayo, hayi eyagqithayo. Ndinethemba lokuba amava wakhe uKermit angasinceda,” utshilo uRiveiro. Emidlalweni egqithileyo, iSundowns iyingombe izihlandlo eziliqela iPirates. Yenye yezinto eziza kubangela umdlalo unike umdla ngaphezulu kokuba amaqela esilwela indebe yeMTN8 ekhatshwa zizigidi ezisibhozo zerandi.