Abadlali beRoyal Am bebhiyozela indebe emva kokubetha iKaizer Chiefs kwiMacufe Cup edlalelwe eFree State Stadium namhlanje emalanga. Umfanekiso: Frikkie Kapp/BackpagePix
Iqela likaMamkhize, iRoyal AM, liphakamise indebe yeMacufe okokuqala embalini yebhola yaseMzantsi Afrika. Oku kwenzeke emva kokuba iqela likaKhabo Zondo lizibethele iKaizer Chiefs ebidikidiki ngo’4-2 kumapenela emdlalweni weMacufe Cup obubanjelwe eBloemfontein Stadium emalanga namhlanje. Umdlalo uphele amaqela ebambene ngegowuli elinye macala omabini. Eminyakeni engaphambili, iChiefs ibisoloko idibana neBloemfontein Celtic emidlalweni yeMacufe Cup – kodwa kule igem, kungene iqela laKwaZulu-Natal. Isiqingatha siphele kungekho qela elikwazileyo ukufumana amagowuli nakubeni amathuba okubhalisa ebhodini ebekhona emdlalweni.
Elona qela elidlale umdlalo ongcono ibiyiRoyal AM ebikhokelwa nguSamir Nurkovic phambili nobeqala ukuyidlalela namhlanje emva kokulityaziswa kukonzakala ixesha elide. Emva kokuba amaqela enze iinguqu omabini kwisiqingatha sesibini, ubekhona umahluko obonakalayo. URuzaigh Gamildein ungcangcazelise umnatha ngebhola ayifake emzuzwini wamashumi asibhozo anesibhozo. Kwixesha likasompempe, uKeagan Dolly ufake igowuli elihle elithathe umdlalo ophele iyinkwa nenkwa lawusa kumapenela. Kulapho iphumelele khona iRoyal AM ngo’4-2. Umqeqeshi weChiefs, uAuthur Zwane, uyigalele amanzi eyokubethwa kweqela lakhe ngelithi amapenele yinto engaphunyelelwa nokuba ngubani.
“Umdlalo ubumhle kwaye abadlali bethu bafumene ithuba lokuzilola kakuhle. Ndicinga ukuba ngesenze ngcono ukuba besiwasebenzise kakuhle amathuba ebesinawo emdlalweni. Kusivuyisile ukunika ithuba lokudlala abadlali abaninzi – kodwa ndicinga ukuba ngesenze bhetele kakhulu. Sizama ukuqinisekisa ukuba abadlali bakulungele ukudlala. Nantso injongo yomdlalo wanamhlanje,” utshilo uZwane emva komdlalo. Amakhosi kuza kufuneka anyuse umxakatho xa edibana naMaZulu kwiveki ezayo emdlalweni weMTN8 oza kube useMoses Mabhida Stadium ngoba abalandeli bawo balambele indebe emva kwendlala yeminyaka esixhenxe yonke.
Kaizer Chiefs: Petersen, Frosler, Dove, Ngezana, Mathoho, Alexander, Nange, NK. Ngcobo, Mashiane, Dolly, Duba.
Royal AM: Ngcobo, Sikhakhane, Mabuza, Lingwati, Roberts, Shezi, Ndlovu, Nyarko, Potsane, Dlamini, Nurkovic.