Ezemidlalo

UTwizza uyithe jize ngeR288 000 iSeven Stars yaseKomani

Pedro Mapelo|Published

ISeven Stars yaseKomani ifumana inkxaso kuTwizza.

ISeven Stars yaseKomani ifumana inkxaso kuTwizza.

Iza kuqhuba isizini entsha iSeven Stars inamandla emva kokuba ifumene inkxaso kwinkampani yeziselo yaseMpuma Koloni, uTwizza. Oku kwenzeke ngexesha elihle kakhulu kanye emva kokunyuselwa kweSeven Stars kwinqanaba elingasentla ebholeni, iABC Motsepe League, kwiphondo leMpuma Koloni. Ngokutsho kukasosiba weqela, uMnu. Jan Draghoender, injongo yabo ephambili kukuvulela ulutsha lwaseKomani amathuba okukhula nokulibalekisa kwizinto eziyingozi. “Abaseki beSeven Stars bakholelwa kwelokuba iyingozi ingqondo engasetyenziswayo. Sineminyaka ekumashumi amabini sikhona. Kodwa besingeke sihambe umgama omde ngabandle kwabaxhasi abafana noTwizza,” utshilo uDraghoender obenemincili emva kokwamkela imali eyiR288 000.

“Injongo yethu ephambili kukwenza umahluko ebantwini bokuhlala. Yiyo lo nto siyivuyela inkxaso esiyinikwa nguTwizza. Iza kulinceda iqela likwazi ukumelana neendleko zokuya emidlalweni yeMotsepe League kwiindawo ngeendawo kwiphondo leMpuma Koloni,” utshilo uDraghoender kutshanje evuyela inkxaso kaTwizza. Njengokuba iSeven Stars iza kube iqhubela phambili nokuthatha inkxaxheba emidlalweni yeMotsepe League, ukusokola kwayo ngaphandle kwenkxasomali bekuvakala – kodwa ngoku umthwalo uza kuba khaphukhaphu ngenxa yemali. Amaqela kunyanzelekile ahambe ngemoto xa esiya kwiindawo ezifana naseMaxesibeni, eMthatha, eMonti naseGqeberha.

Okwenza amaqela akwiMotsepe League asokole yimali encinci ayifumana kuSafa nakwiMotsepe Foundation. “Amawakawaka abalandeli bethu abathe tshitshilili eKomani nakwiindawo ezithile Mpuma Koloni, aza kuvuyela kakhulu abakwenzelwe nguTwizza. Siyabulela xa amaqumrhu enza ingeniso kwiindawo zabantu ephinda ayityale ebantwini bokuhlala imali,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiSeven Stars. Onke amaphondo anamaqela alishumi elinesithandathu. Ekupheleni kwesizini, aye adibane aphumelele emaphondweni ukuze kuphume amabini aye enyukele kwiMotsepe Championship engazintsi kancinci kwiDStv Premiership ekudlala kuyo ooxholovane bamaqela ebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika.