UFadlu Davids noMandla Ncikazi ngabo abaxhuzula imikhala emva kokuhamba kukaJosef Zinnbauer. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackapagePix
Xa kuqala isizini entsha, i-Orlando Pirates iza kube ingenayo umqeqeshi wayo oqhelekileyo. Oku kuza kwenzeka emva kokuba iPirates ibhengeze iindaba ezithi uJosef Zinnbauer ugqibe kwelokuba abeke phantsi njengomqeqeshi ekuqaleni kwale veki. Konke oku kwenzeka emva kokuba iBucs ibethwe yiSwallows FC ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weMTN8 obubanjelwe e-Orlando Stadium ngempelaveki egqithileyo. Kanti phambi kwalowo umdlalo, iPirates ibibethwe yiKaizer Chiefs kumapenela emdlalweni weCarling Black Label. Emva kokukhutshwa yiSwallows ekhokele ngo’2-1 kwisigaba sokuqala somdlalo, uZinnbauer, 51, khange abonakalise ukungonwabi. Uncokole ngebhola njengesiqhelo watsho ephawula nangokulindelekileyo kwisizini entsha.
Kothusile ukuhamba kwakhe nangona bekukho abalandeli abangakholwayo yindlela ebeqeqesha ngayo. “Ndibulela usihlalo wePirates nabaphathi bonke ngokundinika ithuba,” utshilo uZinnbauer kwingxelo ekhutshwe yiPirates. “Ngelishwa, ixesha lam liphelile kwiPirates. Bendikonwabele ukuba lapha kwaye ndibulela nabalandeli. Ndichithe iminyaka emibini ndithe qelele kusapho lwam. Ndilinqwenelela okuhle iqela nabalandeli,” uvale ngaloo mazwi uZinnbauer. Phantsi kwegama lakhe, uZinnbauer uyishiya iPirates inendebe emva kwendlala yeminyaka emithandathu. Akukacaci nokuba uya kuqeshwa nini na umqeqeshi omtsha – kodwa okwangoku, iintambo ziza kuxhuzulwa nguMandla Ncikazi noFadlu Davids onexesha elide ekwiPirates.
Abantu abaninzi bathi uNcikazi kufanele anikwe uxanduva lokuqeqesha iPirates emva kokuba eshiye iGolden Arrows ikwindawo yesine kwiDStv Premiership okokuqala embalini yayo. Lo nto ibangele athathwe yiPirates ebikade ifuna uSteve Komphela oliseke-mqeqeshi weMamelodi Sundowns. Kulindeleke iPirates ilwele amanqaku amathathu xa idibana neStellenbosch emdlalweni weDStv Premiership oza kuba se-Orlando Stadium.