Ngokwesicwangciso sePremier Soccer League (PSL), imidlalo yesizini entsha kufanele iqale ngomhla wamashumi amabini kwinyanga yeThupha. Phambi kokuba iqale loo midlalo, kuza kutshayelela imidlalo yeMTN 8 ngomhla weshumi elinesine. Kodwa nakubeni kunjalo, kusekho ingxaki yeRoyal AM engekasombululeki. Iphuma ingena ezinkundleni iRoyal AM ngoba ifuna ukunyuselwe kwiDStv Premiership endaweni yeSekhukhune United. Ekupheleni kwesizini yeGladAfrica Championship, iRoyal AM yayibambe indawo yokuqala – kodwa iSekhukhune yaye yanikwa amanqaku wayo amathathu awayebanjwe yiPSL yatsho yaphezulu ngamanqaku kwiRoyal AM.
Iinkundla zisikhabile isicelo seRoyal AM. Ekuqaleni kwale veki, uJaji Leonie Windel, usikhabile isicelo sayo ebesityhola iPSL nengqonyela yayo, uNksz. uMato Madlala, ngokungahloniphi isigqibo senkundla esasithintele okwethutyana imidlalo yokuxabangela (PlayOffs) engazange iyidlale iRoyal AM ebekwe ityala yiPSL ngalo nto. Nangona ingaphumelelanga – kodwa iRoyal AM ayivumi ukunikezela. Igqwetha layo, uMnu. uEric Mabuza, lithembise ngokuthatha umba weRoyal AM nePSL liwuse kwiNkundla yoMgaqosiseko. Ukuba kwenzekile oko, lo nto ingathetha ukuthi imidlalo yeDStv Premiership ingaqala ekupheleni konyaka ngoba izinto ezisiwe kwiNkundla yoMgaqosiseko zithatha ixesha elide kakhulu.
“Sifuna ukunazisa ukuba siyalelwe yiRoyal AM ukuba sithathe lo mba siwuse kwinkundla ephakamileyo,” itshilo ingxelo ekhutshwe nguMnu. Mabuza. Intsusa yale ngubakaxaka: iPolokwane City, eyayidlala neSekhukhune ekuqaleni konyaka, yathathelwa amanqaku amathathu emva kokophula umthetho. Kodwa into embi eyenziwa yiPSL kukuba zange iyinike iSekhukhune loo manqaku kwade kwangumhla wokugqibela wesizini ka-2020/21. Yilo nto kanye ebangela iRoyal AM iqhankqalaze. Kulindeleke ukuba iintshatsheli zeDStv Premiership, iMamelodi Sundowns, ziza kwamkela AmaZulu emdlalweni wokuqala. Bona abatshakazi, iSekhukhune, baza kwamkela iChippa United.