Entsimini

Yitya inyama yebhokhwe

Siyabulela Mqikela|Published

Inyama yebhokhwe

Uninzi lukholelwa ukuba inyama yebhokhwe yinyama yokutyiwa esikweni kuphela okanye mhla ngesiko. Kwintlalo yakwaXhosa uyothukwa umntu oxhela ibhokhwe eyixhelela ukutyisa usapho lakhe engenzi siko. Ezi zinkolo ezintsha ezivimba abantu namafama weebhokhwe ithuba lokungcamla kwizakha mzimba eziqulethwe yinyama yebhokhwe.

Nje ngazo zonke izinto ezifuywe ngamafama nasemakhaya, iibhokhwe nazo zinendidi zebhokhwe ezivelisa izinto ezahlukeneyo. Zikho ezenyama ezifana nebhokhwe enentloko ebomvu, logama zikwakho ezobisi kwanezo zoboya iSeyibhokhwe okanye iAngora.

Ibhokhwe enentloko ebomvu yiyo echazwa ukuba itshotsha entla ngokuvelisa inyama esemgangathweni xa ithelekiswa nezinye iibhokhwe. Inyama yazo ibalwa phantsi kwenyama ebomvu ngokwe ndidi zenyama efunyanwa kwizilwanyana ezifuywe emakhaya. Inyama yebhokhwe yenye yenyama equlethe izakha mzimba eziphambili ezifana neProteni ngaphezu kwenyama yenkomo.

Kuthwa inyama yebhokhwe inezakha mzimba ikwanamafutha aphantsi xa ethelekiswa nenyama yegusha. Ikwancedisa ukuthoba amaqondo obushushu egazini ngenxa yokuba iquthele izithako ezithoba iqondo lobushushu begazi. Amaxesha amaninzi inyama yeebhokhwe ayityebi ngokubaxekileyo, ikwanezithako ze ayoni ifunwa ngumzimba mihla yonke. Abo bakwiphulo lokukhathalela impilo yabo, mabaqalise ukutya inyama yebhokhwe ukuze baxhamle impilo.

Yitya inyama yebhokhwe ukuze wondleke

Inyama yebhokhwe iqulethe izithako ezifana neVithamin B12, ukanti abanye abantu nabafama weebhokhwe uthanda ukutya ubuchophe bebhokhwe ngenxa yezakha mzimba ezilapho. Iyancedisa ukwakha nokuqinisa amathambo, ukuphucula inkangeleko yesikhumba, izihlunu kwakunye negazi.

Inyama yebhokhwe ingaphekwa nangaluphi uhlobo othanda ngalo, ngamanzi, ngokuyiqhotsa, ukuyosa nangezinye indlela ezithandwa nguwe. Incasa yayo yendalo ibangela ukuba uninzi lugalele ityuwa encinci okanye lusebenzise ezinye indlela zokwenza incasa.

AmaXhosa xa eyisebenzisa ezindle kumasiko awo athanda ukusebenzisa umthi okrakra ojika ubenencasa encamisileyo ogqabi liluhlaza (intlungunyembe). Ukwakha umzimba nenyama yayo ibhokhwe itya ingca, kodwa ithanda kakhulu ukutya imithi efana nomnquma nentlungunyembe. Oku kwenza ukuba ezinye izizwe ezifana namaXhosa zikholelwe ukuba akukho mfuneko yokufaka iyeza kwibhokhwe.

Inyama yebhokhwe yenye yenyama ekukudala zityiwa ngabantu kwihlabathi ukusukela kwimihla yakudala. Uninzi labo batya inyama yebhokhwe kwihlabathi bathanda inyama yebhokhwe xa ingaphantsi kwenyanga ezilishumi elinesibini.Inyama yebhokhwe ingatyiwa iyodwa, ngepapa, ngomngqusho, rayisi nangesonka na kakade.

Abantu bamazwe akumantla eMelika bayaziwa ngokusebenzisa inyama yebhokhwe kuquka nobisi layo. Kukholelwa ukuba aba bazuza amandla nokuqina ngenxa yokutya inyama yebhokhwe. Amafama weMpuma Koloni mawaqalise ukubona inyama yebhokhwe ngelinye iliso ukuze bayixabise inyama yebhokhwe.