Ilusini sesinye sesilimo esibalulekileyo kwizondlo zemfuyo. Ezona zizathu zibalulekileyo ekulinyweni kwelusini nezinika umdla zezi zilandelayo:
- Kulula ukukhula kwayo ilusini.
- Ikukutya okunesondlo esiphakamileyo nesinencasa.
- Ilusini idlisela ngokuba ayikhawulezi ukuphela apho ilinywe khona.
- Kulula ukuyilima kuba ayinamsebenzi mninzi iwufunayo.
- Ngenxa yokuba inezondlo eziphezulu, izishwankathela zonke izondlo zezinye izityalo ezilinywayo.
- Ngaphandle kokuba inezondlo, ikwanencasa encamise ngamandla ilusini.
- Ngenxa yencasa nezondlo zayo ide ibizwe ngokuba yiKumkani yezityalo.
- Ilusini ityebe kakhulu kwisondlo esibizwa ngokuba yiKhalisyam noVithamini A no D.
- Imfuyo eyondliwa ngelusini ikhula kakuhle kakhulu, ityebe, ivelise ubisi oluninzi ngaphezu kwezinye izondlo zempahla.
- Naxa ithe yagcinwa ixesha elide kwiziko lokugcina, ayikhawulezi ukonakala okanye ayonakali konke konke.
- Kwayona ilusini iyakwazi ukulungisa umhlaba elinywe kuwo ukuba ulungele ukulima, ingakumbi xa ubuqala ukulinywa umhlaba lowo.
- Nasiphi isityalo esilinywe kwindawo ebilinywe ilusini siqhuba kakuhle kakhulu emva kokuvunwa kwelusini.
- Ilusini inamandla okutyebisa umhlaba, logama ikwanamandla okulungisa umhlaba wakho mfama.
- Ilungisa ubume bomhlaba, logama ikwanqanda ukhukhuliseko lomhlaba.
- Ibulala ikhula, inqanda izinambuzane kwa nokukhuliseko lomhlaba.
- Inamandla okutsala izithako ezifana neNatrojini izifake emhlabeni utsho utyebe umhlaba.
- Ingcambu zelusini zincedisa ukuswabulula umhlaba osemazantsi ukuze utshintshe wonke umhlaba utyebe, uvelise ngokwanelisayo.
- Ihlala ixesha elide ngenxa yobume bomhlaba lowo ilinywe kuwo okanye imozulu yendawo leyo ilinywe kuyo. Xa ingalinywa kakuhle ilusini ithatha isithuba sonyaka omnye iphele.
- Uninzi lamafama luthanda ukuyilima kwixesha elandulela ubusika, injongo kukuba kufuneka ixhanyulwe ngamatakane azalwa ebusika kuquka neemazi ezizeleyo, ingakumbi iigusha.
Olu lwazi luqokelelwe ngamagosa wezolimo ayesebenza kwiSebe lezolimo eTranskei, phantsi kuka bawo uEdward Zamayedwa Booi ngeyoMsintsi ngo1986.