Ngaphakathi evenkile kuthengiswa iimveliso zasefama. Umfanekiso: Pexels.
Zilithoba iinkampani eziphambili ezivelisa izichumiso zokulima ezithe zangenisa imali eninzi kwihlabathi ngenxa yokunyusa ixabiso lezichumiso. Izichumiso zenza ukuba umfama akwazi ukufumana isivuno asinqwenelayo ukuze afumane imali.
Ukunyuka kwexabiso lezichumiso kwihlabathi kunegalelo elicacileyo ekunyukeni kwexabiso lemveliso zokulima ukutya. Nje ngesiqhelo amazwe namafama aseAfrika ngawona abetheka ngamandla kule meko ngenxa yokuxhomekeka kwizichumiso.
Amazwe amaninzi kumazantsi weAfrika agqibezele ukuvuna iimveliso zeenkozo, kodwa amaxabiso wezichumiso awashiye esophisa la mafama. Ukuphungula umyinge wemali echithwa kuthengwa izichumiso kuphinda kushiye umfama enyanzelekile ukuba athengise iimveliso zakhe ngexabiso eliphezulu.
Iingcali zamachiza okulima kwihlabathi ayavumelana ukuba ukubuyela kwiindlela zakudala zokutyebisa umhlaba sesona sisombululo simiyo. Amazwe aseAfrika afana neMalawi neZambia ahamba phambili kokuthwaxwa kukunyuka kwamaxabiso ezichumisi mhlaba.
Imihlaba emininzi eAfrika ikufuna ngamandla ukuncediswa ngezichumisi ngenxa yemeko ezininzi. Le meko inyanzelisa ukuba amafama aseAfrika aphungule imali ayisebenzisa ukuthenga izichumiso, oku kwenza ukuba izityalo zinganiki imveliso efanelekileyo.
Uninzi lemvelizo zezichumisi ezisetyenziswa eAfrika zivela kumazwe angaphandle. NguMzantsi Afrika kuphela oneenkampani ezivelisa izichumiso zomhlaba.
Umbutho ojongene nezolimo nokuveliswa kokutya kwizizwe ezimanyeneyo uthi ngenene ikhona ingxaki malunga nezichumiso kwihlabathi. Oku kunyuka kwamaxabiso ezichumisi okunyusa amaxabiso okutya kwenzeka logama bengaphezu kwamashumi asixhenxe anesithathu ezigidi abantu ababhuqwa yindlala eAfrika.
Uninzi lamazwe aseAfrika luxhomekeka ngamandla kukutya okusuka kumazwe angaphandle. Imbalela, imozulu eguqukayo, iimfazwe zibangela ukuba kubekho imfuneko yezichumiso xa kuveliswa ukutya ezifama.
Iingcali zithi amazwe aseAfrika kumele ukuba aqalise ukunyanzelisa ooRhulumente ukuba bakhuphe isibonelelo sezichumiso kumafama avelisa ukutya. URhulumente woMzantsi Afrika ungumzekelo woku kuba rhoqo ukhuthaza amafama ngokuwanika iingxowa zezichumiso.
Ukufundiswa kwamafama ukusebenzisa ezi zichumiso kubalulekile kuba maxa wambi zisetyenziswa ngendlela eyenzakalisa umhlaba. Ukungenelela kwemibutho emikhulu yezolimo kwihlabathi kubalulekile ukuze kuncediswe amafama. Ukubuyela kwamafama ekusebenziseni umgquba sesinye isisombululo sokulwa ingxaki yokunyuka kwexabiso lezichumiso.
IToni yesichumiso sohlobo leUriya ngamawaka amahlanu namakhulu amane weerandi xa ithengiswa. Oku kuthetha ukuba ngenene amafama asaqalayo ukulima awanakukwazi ukuzithengela.
Amafama kumele ukuba nawo aqalise ukuzenzela imigalelo yokuthenga iimveliso ezifana nezichumiso. Ukungakwazi kuhamba kwemithwalo yezi zichumiso kumazwe athile ngenxa yemfazwe yaseUkraine kutyholwa ukuba kunegalelo.