Unobhala weAFASA eMpuma Koloni uThobeka Mdakana Tebe.
Unobhala wephondo leMpuma Koloni kumbutho weAfrican Farmers Association of South Africa (AFASA) uThobeka Mdakana Tebe utyhola imeko yobuhlanga kwimiqobo abajongana nayo xa bethumela imfuyo kumazwe angaphandle.
Oku kusemva kokuba izihlandlo ezininzi lo mbutho ujijisana nombutho olwela ukhuseleko lwezilwanyana iNHPCSA olibazisa ukuhamba kwemithwalo. “Rhoqo xa kukho umthwalo wemfuyo ekufuneka ukuba siwuthumele kumazwe angaphandle ngokwesivumelwano sethu nombutho weAlma Washi kuvela izithintelo zenkundla kwiNHPCSA,'” kucacisa uMdakana Tebe.
I-NHPCSA ithintela ukuthunyelwa kweegusha, iinkomo nezinye izilwanyana ngelithi ziphathwa kakubi kwinkqubo yokulayishwa kwazo. “Kwiiveki ezimbini ezigqithileyo kwiigusha ezingamashumi amahlanu amawaka ebekumele ukuba zithunyelwe eMntla Mpuma, sithumele iigusha ezikumashumi amathathu amawaka kuphela ngenxa yesithintelo senkundla esenziwe yiNHPCSA,” kutsho uMdakana Tebe.
Uthi ukuphungulwa komthwalo okanye ukulibaziseka komthwalo ukuba ufike kubathengi kubetha kubo. “Konke oku kubangela ukulibaziseka kwinkqubo yokukhula kwamafama emfuyo amnyama eMpuma Koloni, kwaye sikrokrela ubuhlanga kuyo yonke lento,” kucacisa uMdakana Tebe.
Ethethela amafama kumcimbi wokumanyelwa kweengxaki zamafama nguRhulumente ububanjelwe eTobi Kula eKomani uMdakana Tebe ubongoza ukungenelela kukaRhulumente. “Phakathi kwezinto ezikhalazelwa ngulo mbutho kukuba imfuyo iyaqwalela, iyalamba ayondlekanga zonke ezo zinto,” utsho uMdakana Tebe.
Uthi konke oku sisanyeliso kumsebenzi wabo wokufuya, kwaye amazwe ehlabathi afuna ukuxhasa amafama amnyama. “Lo mbutho weAl Mawashi ujonge ukuxhasa kuphela amafama amnyama ngokuthenga iigusha neenkomo, kodwa le miqobo yenza ukuba kubenzima ukwenzeka kwayo yonke lonto,” ukhalaze watsho uMdakana Tebe.
Minyaka le iAl Mawashi ithenga iigusha ezingamashumi wamawaka kweli ukuzithumela kumazwe aseMbindi Mpuma, eBrazil nakwezinye iindawo zehlabathi. “Sisithuko esi kuthi kuba ingathi ngoku thina asiyazi into esiyenzayo, siyakwazi ukukhathalela izilwanyana, uRhulumente makancede angenelele ngoku,” kutsho uMdakana Tebe.
Uthi izikhalazo zokungaphathwa kakuhle kweegusha ezithunyelwa eMbindi Mpuma kuphikisana nengxelo eyenziwa liSebe malunga nomgangatho wezigusha. “Kukho uGqirha ojongene ncakasana nalomcimbi wempilo yezigusha, uyakwazi ukuba azipasise, kodwa iNHPCSA iyiphikise ingxelo esuka kuGqirha wezilwanyana,” ekhathazekile utshilo.
Phakathi kweengxaki zamafama kweli iAFASA ikhalazela ukungamanyani kwamafama ukuze akwazi ukulwa ngelizwi elinye. “Kufuneka simanyane singamafama sisebenze kunye ngenjongo enye, ngokwenza njalo sizakuphumelela,” uvale ngelo uMdakana Tebe.