Athengisa ikofu eTurkey amafama aseUganda

Amafama ekofu eUganda ayavuya emva kokuba kubonakele ukukhula okumandla kwizinga lokuthengwa kwekofu yawo kwilizwe laseTurkey.

Ilizwe laseUganda lelinye lamazwe ahamba phambili eAfrika ukuvelisa iindindi zekofu lilandela emva kwelizwe laseTopiya.

Kule minyaka mihlanu igqithileyo intengiso yekofu yaseUganda eTurkey inyuke ngaphezu kwamakhulu amabini eepesenti.

Ekuqaleni amafama aseUganda ayethengisa kuphela ikofu ekumyinge weengxowa ezikumawaka amabini ngonyaka ka2019.

Le ngxelo ithi kunamhlanje amafama ekofu aseUganda athengisa iingxowa zekofu ezifikelela kumashumi amane anesine amawaka eebhegi.

Kuthiwa oku kukhula kungaka kwintengiso yekofu yaseUganda kwilizwe laseTurkey kubangelwe ngumsebenzi owenziwe ngunozakuzaku waseUganda eTurkey.

Oligosa lomzi wozakuzo waseUganda kwilizwe laseTurkey, uJulius Mwijutsya, uthi bancedwe kukuguqulwa kwendlela ekwenziwa ngayo izinto kwilizwe laseUganda.

“Ilizwe laseTurkey belihleli linomtsalane kwiimveliso zethu zekofu, ngoko ke siye sahlala phantsi senza inguqu kwiindawo ezithile kwimithetho yethu yozakuzelwano namazwe afana neTurkey,” kucacisa uMwijutsya.

Ilizwe laseUganda likwiphulo lokwandisa intengiso yalo yekofu kwihlabathi ngeenjongo zokuqinisa imeko yezimali logama kukhula amafama wekofu.

“Umgangatho ophezulu wekofu yaseUganda nendlela eveliswa ngayo zezinye zezizathu ezenze ukuba uRhulumente waseTurkey abone isizathu sokuba athenge ikofu yethu,” uhambisa atsho uMwijutsya.

Amafama elizwekazi laseAfrika asoloko ekhangela indlela yokukhulisa iimveliso zawo ezithunyelwa kumazwe aseYurophu.