Oomatshini bokuthunga nezixhobo zabo ezinikezelwe kumanina ayinxalenye yookopolotyeni baseMatatiele.
Image: Anathi Zitshu / ECDoA
UNtombizodwa Lithole ngomnye wabantu abaxhamle ngokufumana oomatshini bokuthunga abathe banikezelwa lisebe lezolimo eMpuma Koloni nabazakumnceda ukuphucula umgangatho weempahla zakhe.
Kutshanje isebe linikezele ngoomatshini bokulima kwakunye noomatshini bokuthunga kookopolotyeni baseMatatiele ngeenzame zokunceda ulutsha namanina ukuba afake isandla kuqoqosho lwasekuhlaleni.
Ngaphezulu kweR198 000 etyalwe koomatshini bokulima ukuze kubonelelwe ngeendlela zemveliso kumafama asakhasayo nokudala amathuba emisebenzi, isebe lityale imali eyiR504 224 kwaba matshini bokuthunga, ivili lezinto ezenziwa ngodongwe kunye nomatshini wokuvelisa izinto zodongwe – ezi zixhobo zincede amashishini alishumi elinesithandathu anamashumi amabini anesihlanu abaxhamli bebonke kwingingqi yaseAlfred Nzo.
UMphathiswa weli sebe, uNonceba Kontsiwe, uthe oomatshini bokuthunga benzelwe ukuphucula umgangatho wempahla neemveliso eziveliswa ngabasetyhini ikakhulu.
"Iphupha lam kukubona iimpahla zabo zithengiswa ziivenkile ezinkulu zempahla," utshilo.
Umnikazi weMthimkhulu Enterprise, uNtombizodwa Lithole, uthe uyabulela ngaba matshini bokuthunga kuba baza kuphucula umgangatho womsebenzi wakhe.
"Kudala ndizama ukumelana nale mfuno [yeempahla ezininzi] kodwa ngoku oomatshini baza kundinika isiqabu," utshilo uLithole.
Uqhube wathi, "Ndiza kukwazi nokuqesha umntu oza kundincedisa kwishishini lam, kungoko ndibulela isebe."
Isebe lithe ezi nkqubo ziyilelwe ukukhulisa imveliso yokutya okuziinkozo, imifuno, imfuyo, ukwandisa ukhuseleko lokutya nokukhuthaza uphuhliso lweempahla namalaphu njengamacandelo agxile kakhulu kuphuhliso lwamafama namashishini amancinci asemaphandleni.
Isebe lithe lichonge ezi nkalo zecandelo lezolimo ezingumthombo wengqesho kuninzi lwamanina angaphangeliyo, ulutsha kunye nabantu abakhubazekileyo.