Umfama osemtsha uLuvo Mxhakaza ephethe umatshini wokulima ophathwayo.
Image: Anathi Zitshu / ECDoA
UMphathiswa weSebe lezoLimo eMpuma Koloni, uNonceba Kontsiwe, unikezele ngoomatshini ababini bokulima kuluntu lwelali yaseZwelitsha eMatatiele.
Oku kunikezelwa kwezixhobo liSebe, kwenzeke ekuqaleni kwenyanga yoMnga, ngumzamo wokukhuthaza uqoqosho lwasekuhlaleni ngezinto ezifana nokuveliswa kokutya.
UMphathiswa ukwanikezele ngoomatshini bokuthunga abangamashumi amathathu, ivili lezinto ezenziwa ngodongwe kunye nomatshini wokuvelisa izinto zodongwe kookopolotyeni baseMatatiele abakhokelwa lulutsha namanina.
NgokweSebe, lityale iR198 000 koomatshini bokulima ukuze kubonelelwe ngeendlela zemveliso kumafama asakhasayo nokudala amathuba emisebenzi ngakumbi kulutsha, abasetyhini kunye nabantu abakhubazekileyo ukuze banciphise intlupheko.
UMphathiswa uKontsiwe uthe ukhuthazwe lulutsha oluzibandakanya nezolimo, watsho esithi unethemba lokuba nabanye abantu abatsha baza kulandela ekhondweni.
"Ooogandaganda bayafuneka kodwa bayabiza ngoko ke siye sagqiba kwelokuba sifumane oomatshini abaphathwayo bokulima. Ngaba matshini kulula ukusebenza imihlaba emikhulu," utshilo uKontsiwe.
UKontsiwe ukwathe uyavuya kuba ulutsha luyazixabisa ezi zixhobo, kwaye banethemba lokuba uluntu kwiphondo liphela luza kuzithanda ezi zixhobo.
UKontsiwe ugxininise ukuba iSebe lifuna ukuqinisa ukhuseleko lokutya ngeenkqubo ezifana neIlima Lokulima ezikhuthaza abantu ukuba badibane, balime iigadi zabo kwaye baphelise intlupheko.
ISebe lithenge oomatshini bokulima abalishumi elinesine kwaye ababini abathe banikezelwa kookopolotyeni baseMatatiele abakhokelwa lulutsha namanina, oku kuphawule ukusungulwa kwenkqubo apho amafama aza kuncediswa ngoomatshini bokulima kuzo zonke izithili.
Umnikazi weshishini iShiya’s and Son, uLuvo Mxhakaza (28), olima iintlobo ngeentlobo zemifuno kumhlaba ozihektare ezine, uthe uyakuvuyela ukufumana lo matshini wokulima kweli sebe.
"Oku kuya kundinceda kakhulu ekutyaleni, ekuphethuleni umhlaba nasekususeni ukhula kuba ndandidla ngokusebenzisa imihlakulo neefolokhwe ukulima. Lo matshini uza kwenza ukuba umsebenzi wam ubelula kwaye undikhuthaze ukuba ndilime imifuno emininzi," utshilo uMxhakaza.
UMxhakaza uqale ukulima ngo2022 kwaye ngexesha lokulima nokuvuna waqesha abantu abathathu ngelixa wayethengisela abathengisi basesitratweni nakwiivenkile ezinkulu zaseMatatiele.