Kwiinzame zokulwa izifo zezilwanyana, uGunyaziwe woLawulo lweMida woMzantsi Afrika uye wathimba amayeza ezilwanyana angene kweli lizwe ngokungekho mthethweni.
Image: BMA
Kwiphulo elibalulekileyo lonyanzeliso lomthetho, uGunyaziwe woLawulo lweMida (BMA) uye wathintela ukungeniswa ngokungekho mthethweni kwamayeza ezilwanyana eMzantsi Afrika. Ngomhla wama26 kweyeNkanga 2025, amagosa eBMA Port Agriculture abhaqe iinqwelomoya ezimbini ezithwele malunga neekhilogram ezingama84 zeBerenil, iyeza lezilwanyana elisuka eKenya naseTanzania.
Eli yeza, nebelipakishwe kwiibhokisi ezimbini zohlobo lwepolystyrene, lalisuka kwisikhululo seenqwelomoya sasePolokwane International Airport lisiya kwisikhululo seenqwelomoya sasePietermaritzburg xa laliphawulwe ngenxa yokungabi namaphephamvume ayimfuneko okungenisa imveliso elizweni, njengoko kuchaziwe phantsi kweCandelo lesithandathu loMthetho weZifo zeZilwanyana wama35 ka1984.
Kulandela uthethwano neSebe lezoLimo, kwathathwa isigqibo sokuba kuhluthwe le mveliso ingachazwanga kwaye ithunyelwe kwiziko iOnderstepoort Veterinary Institute - Transboundary Animal Diseases Laboratory (OVI-TAD) ukuze ivavanywe kwaye ihlalutywe.
UGqirha Michael Masiapato, uMkomishinala weBMA, uvakalise ukuzinikela okungagungqiyo kombutho ekukhuseleni impilo yemihlambi yelizwe laseMzantsi Afrika, ingakumbi phakathi koqhambuko oluqhubekayo lwesifo somlomo (FMD) esibeka emngciphekweni ezolimo apha ekhaya.
"Siye saqinisa uqwalaselo kunye neenkonzo zokuhlola kumazibuko ethu ukuze sibhaqe futhi sithintele nakuphi na ukungeniswa elizweni ngokungekho mthethweni kweemveliso zonyango lwezilwanyana ezingavavanywanga, kubandakanywa nezitofu eziyingozi," utshilo uMasiapato.
Eli linge lamva nje lokuthutyeleziswa kwamayeza ligxininisa ukophulwa kwemithetho yonyango lwezilwanyana nokhuseleko lwendalo. Iqaqambisa imfuneko engxamisekileyo yokuba amafama ahlale ethe qwa kwaye ethathele ingqalelo impilo yezilwanyana. Amafama acetyiswa ukuba anxibelelane noGqirha wezilwanyana wasekuhlaleni ukuba bakrokrela iimpawu zesifo esithile kwimfuyo yabo.
UMasiapato ugxininise ukuba ukusetyenziswa kwezitofu zokugonya isifo somlomo eMzantsi Afrika kulawulwa ngokungqongqo ngurhulumente, kwaye kusetyenziswa izitofu ezivunywe ngokusemthethweni kuphela zokulawula uqhambuko.
Izitofu zokugonya ezisetyenziswa liSebe lezoLimo zifunyenwe kwiziko laseBotswana, iBotswana Vaccine Institute (BVI), ukuqinisekisa ukuba imigangatho efanelekileyo yokusetyenziswa kwamayeza iyafikelelwa ukukhusela amafama asekuhlaleni neshishini [lezolimo].
Amanyathelo aqinisekileyo eBMA abethelela ukubaluleka kokuthotyelwa kwemithetho ekukhuseleni icandelo lezolimo loMzantsi Afrika kwizinto ezigrogrisa ukhuseleko lwendalo. Ngemigaqo yokuhlola ephuculweyo, iBMA ibonisa indlela esebenzayo yokuthomalalisa umngcipheko obangelwa ziimveliso zonyango lwezilwanyana ezithutyeleziswa ngokungekho mthethweni.