Entsimini

Ishishini lewayini laseMzantsi Afrika libhiyozela impumelelo kwiqonga lehlabathi

Cwayita Nondula|Published

Ishishini lewayini eMzantsi Afrika lizuza udumo kwihlabathi jikelele.

Image: Pixabay

Ishishini lewayini loMzantsi Afrika liyabhiyoza emva kokuba iindawo ezintandathu ezivelisa iwayini kweli lizwe zivele kuluhlu luka2025 lweendawo ezibalaseleyo ezivelisa iwayini kwihlabathi.

UMphathiswa wezoLimo, uJohn Steenhuisen, uyiqhwabele izandla le mpumelelo. "Besisoloko sisazi ukuba sinewayini emnandi, kwaye le mpumelelo imangalisayo, apho amasimi okanye iindawo zethu ezintandathu ezivelisa iwayini ziphakathi kwezona wayini ezigqwesileyo kwihlabathi, luqinisekiso lwemigangatho yethu yokhenketho lwewayini olungaguquguqukiyo kunye nokuyila," utshilo uSteenhuisen.

Iindawo ezimbini zewayini zifikelele kuluhlu lweTop 10 – iKlein Constantia Wine Estate, eseNtshona Koloni, ithe yawongwa njengeyona ndawo ebalaseleyo eAfrika yaze yafumana iwonga leHighest Climber Award. USteenhuisen uthe le ndawo ngoku ibekwe kwiTop 6 kwihlabathi jikelele. Inyuke iindawo ezingama35 ukusuka kuluhlu lonyaka ophelileyo u2024, ngokweSebe.

Enye indawo evelisa iwayini ekwiTop 10 yiCreation, kwindawo yaseHemel-en-Aarde, eNtshona Koloni, ibekwe kwindawo yesixhenxe kwihlabathi jikelele. UMphathiswa uthe le ndawo kudala igqwesa kudidi lwengingqi nekukhokelele ekubeni ivotelwe njengendawo evelisayo ebalaseleyo eAfrika kunyaka ophelileyo.

UMphathiswa uSteenhuisen uthe: "Siyakuqhwabela izandla ukuzinikela kwamaqela kuzo zontandathu iindawo ezivelisa iwayini ngokuphakamisa igama loMzantsi Afrika ukuze likhuphisane kwinqanaba lehlabathi. Ukuzibophelela kwabo ekugqweseni akuvelisi nje iiwayini ezaziwayo kwihlabathi, kodwa konyusa isidima sethu njengendawo ephambili yokhenketho lwewayini."

UMphathiswa uqaqambise igalelo elibalulekileyo lecandelo kuqoqosho lwelizwe, eqaphela ukuba ukhenketho lwewayini ludala imisebenzi kunye likhokelela kuphuhliso lwengingqi. "Icandelo lethu lezokhenketho lwewayini libonisa ukukhula okuthe kwanegalelo leR9.3 billion kwiGDP yoMzantsi Afrika ngo2022."

Kuthiwa uMzantsi Afrika uvelisa malunga ne4% yewayini yehlabathi kwaye ngo2024, ishishini lewayini kweli lizwe labekwa kwindawo yesixhenxe ngobukhulu emhlabeni jikelele.

Iindawo ezine zokuvelisa iwayini eziye zafikelela kuluhlu olwandisiweyo (51-100):

  • Tokara Wine and Olive Estate (Stellenbosch): Nombolo 71
  • Delaire Graff Estate (Stellenbosch): Nombolo 79
  • La Motte Wine Estate (Franschhoek Valley): Nombolo 94 (Iyaqala ukuvela kuluhlu)
  • Hamilton Russell Vineyards (Hemel-en-Aarde): Nombolo 99 (Iyaqala ukuvela kuluhlu).