Entsimini

UPumza Sifingo ngomnye wamafama eehagu azizamelayo ephondweni

Cwayita Nondula|Published

Umfama uPumza Sifingo.

Image: Cwayita Nondula / I'solezwe lesiXhosa

Ukufumana iinkunzi zeehagu eziphucukileyo zokuphucula umhlambi wamafama eehagu eMpuma Koloni ngumcelimngeni njengoko kufuneka baye ngaphandle kweli phondo. Nangona kunjalo, amafama afana noPumza Sifingo ngomnye wamafama eehagu azama ukutshintsha oku kweli phondo.

USifingo kutshanje ubalise ngohambo lwakhe njengomfama weehagu kweli phondo nomnye wamanina ambalwa awenza lo msebenzi. Ebethetha kumsitho obubanjwe ngukopolotyeni, iSinyuse Sonke Co-operative eNxarhuni ngoLwesihlanu, umhla wama21 kweyeNkanga 2025.

Uthe ngenxa yokuba kufuneka baye kwelinye iphondo ukuze bafumane imfuyo eyiyo ukuze baphucule umhlambi, amafama afuya iihagu eMpuma Koloni agqibe ekubeni aseke umbutho, iEastern Cape Pork Producers’ Association.

Ngelishwa, oku kuseyingxaki, utshilo. "Asikuko ukuba asikho isakhono seehagu apha ephondweni kodwa umcelimngeni kukuba amafama athenga iihagu ezingezizo nithi ngoku nibaxhasa ingabonakali loo nto. Awukwazi ukutshintsha uhlobo olungelilo [lwehagu] ngokutya okufanelekileyo, kodwa ungalutshintsha uhlobo olululo [lwehagu] ngokulunika ukutya okufanelekileyo," utshilo.

Uthe le ngxaki ibenze banxanelwa ulwazi wagqiba ekubeni enze uqeqesho lokufuya okanye ukuzalisa iihagu.

Udize ukuba uphantsi koqeqesho lweSAPO emtyelela rhoqo ngenyanga, kwaye uphantsi kogqirha wabo wezilwanyana ofumaneka ngalo lonke ixesha xa eneengxaki.

Sifingo currently supplies for three butcheries. She revealed that she recently got contacted by Spar shop in Mthatha to supply them with pork, as well as a businessman in Dutywa. 

Uthe kukho imfuneko yeehagu kweli phondo.

Nangona eqhuba kakuhle ekufuyeni iihagu, usenayo imingeni emsebenzini wakhe. Uthe owona mngeni mkhulu kukungabinamhlaba waneleyo, ngenxa yoko uthi urenta iifama ezimbini. Kananjalo akanawo amanzi nombane.

UPumza uthi kutshanje baqeqeshe amafama amahlanu baqeqeshela ukufaka incindi kwiimazi (artificial insemination) kuba ukuthenga inkunzi kuyabiza, babafundisa ubuchwephesha bale mihla ukuze bafumane inzala eyiyo.

UKhayakazi Mkhone weSebe lezoLimo eMpuma Koloni.

Image: Cwayita Nondula / I'solezwe lesiXhosa

UKhayakazi Mkhone ophuma kwisebe lezolimo eMpuma Koloni uthethe ngemicelimngeni ajongene nayo amanina kwezolimo namalinge abo okukhuthaza ukuba amanina afumane izibonelelo nezixhobo ezifanayo namadoda. UMkhone uthe basebenzisana namahlakani abohlukeneyo kuquka neenkosi bebacela ukuba bancede amanina.

"Ulutsha lwethu lwanamhlanje siyalubona ukuba lubhenela kwiziyobisi ngenxa yokuphela kwamathuba emisebenzi. Sithi masikhe siyiqaleni ke loo nto, xa unika into umntu ongumama, bayayandisa. Akekho umama olapha ovuyayo xa ebona umntwana otya iziyobisi noba ayingowakhe."

Ukwakhuthaze abasetyhini ukuba babe nezicwangciso zokudlulisela izakhono kunye nokuqeqesha abo bancinci.