Imisebenzi kwicandelo lezolimo inyuke nge2%.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Imisebenzi kwezolimo inyuke nge2%, nto leyo ethetha imisebenzi eyi14 000 xa kuthelekiswa nekota edlulileyo, nebangele inani lilonke laya kutsho kuma920 000 emisebenzi.
Oku kwenzeka nangona kukho imicelimngeni, njengoko kubonisiwe yingxelo yamva nje yeQuarterly Labour Force Survey ekhutshwe yiStatistics SA.
UMphathiswa weSebe lezoLimo, uJohn Steenhuisen, uthe la manani ayakhuthaza nanjengoko ishishini lemfuyo lisajongene nesifo somlomo (FMD). "NjengeSebe lezoLimo, siza kuqhubeka ukufumana amayeza okugonya iFMD kwaye siphumeze amanyathelo angqongqo okhuseleko lwendalo ukuze siqinisekise ukuba uqoqosho lwethu lwezolimo lukhuselekile," utshilo uSteenhuisen.
USteenhuisen uthe umsebenzi owenziwe liSebe lezoLimo ukuze kuqinisekwe izivumelwano zorhwebo uvelisa iziphumo xa kuthethwa ngokudala imisebenzi ezifama.
"Sibe nonyaka omhle wokuthunyelwa kweemveliso zeorenji kumazwe angaphandle, kwaye sikwabona iziphumo ezihle kwiinzame zethu zokufumana ufikelelo olutsha lwemakhethe, olufana neTshayina, lokuthengisa iiavokhado kumazwe angaphandle. Kwaye sisebenza nzima ukufumana uninzi lweemveliso zethu zexabiso eliphezulu kwiimakhethe ezifana neJapan, i-Indiya, kunye neUnited Kingdom.
"Konke oku kubalulekile ekuqinisekiseni ukuba uMzantsi Afrika udlala indima enkulu kwiqonga lehlabathi, nokudala imisebenzi apha ekhaya," utshilo uMphathiswa uSteenhuisen.
UMphathiswa uqhube wathi izivumelwano zorhwebo ezinjengeAfrican Continental Free Trade Area (AfCFTA) zinika eli lizwe iqonga lokukhulisa ukuthengisa iimveliso ngaphandle. "Ngokuqinisekisa imfuno yeemveliso zethu, singakwazi ukuqhubeka sityala, sivuna kwaye silungise iimveliso, nto leyo egcina inani lemisebenzi ikhula kumakhonkco obonelelo kuwo wonke amaphondo.
"Kwaye olu hlobo lotyalomali yeyona nto siyidingayo ukugcina amanqanaba engqesho enyuka ngakumbi kwimisebenzi yezityalo zegadi kunye nezityalo zasemasimini, ekumele ikwazi ukugcina la manani eqhuba kakuhle ukuya ku2026."