UKumkani uDalimvula Matanzima, uMphathiswa wezoLimo uNonceba Kontsiwe ekunye noKumkanikazi uNolutho Matanzima ngethuba kunikezelwa ngogandaganda omtsha, izixhobo zawo kunye nethokazi elikhulelweyo kwakunye noomatshini bokuthunga eQamata.
Image: Anathi Zitshu/DoA
Umphathiswa wesebe lezolimo eMpuma Koloni, uNonceba Kontsiwe, unikezele ngokusesikweni ngogandaganda, izixhobo zokusebenza kunye nethokazi lenkomo elikhulelweyo kuKumkanikazi uNolutho Matanzima wobuKumkani babaThembu baseRhode eQamata phantsi komasipala weIntsika Yethu.
Lo gandaganda kuthiwa uxabisa malunga nesigidi seerandi kwaye kulindeleke ukuba uncedise kwimveliso, uphucule ukusebenza kwaye uphucule impilo yoluntu lwasemaphandleni.
UKontsiwe uthe bajolise kwizizwe zobukumkani ukuze zincedise isebe ekuthetheni nasekukhuthazeni abantu bazo ukuba bathathe inxaxheba kwiinkqubo zabo. "Sikholelwa kumandla ephulo lethu lokuqinisekisa ukuba abantu bayawusebenza umhlaba wabo kwaye balwa nentlupheko. Kukho iingxelo ezivela kwiKhomishini yamaLungelo oLuntu ezithi abantu baphila entluphekweni kwaye abanye bade babhubhee ngenxa yokungondleki. Sifuna ukungenelela ngokuncedisa abantu ekuveliseni ukutya ngokubancedisa ngezixhobo zokusebenza emhlabeni kunye nemfuyo," utshilo.
Ukwathe unethemba lokuba amakhosikazi nolutsha bayakuthakazelela iphulo lesebe kuba isebe liza kubanceda kwaye uluntu maluthathele ingqalelo ikhwelo lokuziphuhlisa ngezolimo.
Kusenjalo, uKumkanikazi uMatanzima uvakalise uchulumanco ngezixhobo ezifunyenwe sisizwe sakhe ezithe zanikezelwa lisebe, watsho esithi lo matshini mkhulu wokuthunga kwanezinye izixhobo uza kubanceda baqeqeshe abantwana abangamantombazana abancinci ukuthunga.
"Ubuchule bala mantombazana mancinci buza kuphucuka kuba bebesebenzisa oomatshini abancinci, kodwa abakhulu nabakhawulezayo baya kunceda kakhulu. Siyalibulela isebe ngezi zixhobo njengoko ziza kusinceda kakhulu," utshilo uKumkanikazi uMatanzima.
UKumkanikazi wongeze ngelithi banomhlaba weehektare ezilishumi abaceba ukuvelisa imifuno kwaye lo gandaganda uza kuncedisa kwimveliso, watsho esithi isebe liza kuncedisa nasekubiyelweni komhlaba wabo.
Ayikokuqala eli sebe linikezela ngezixhobo kwiinkokeli zemveli ukunceda ukuphucula uphuhliso lwemimandla ephantsi kwayo. Kwinyanga ephelileyo, uMphathiswa uKontsiwe unikezele ngogandaganda nezixhobo zokusebenza kuKumkanikazi uNonzuzo Sigcawu eNqadu Great Place.