Entsimini

UKontsiwe: 'Ezolimo ngumqolo wophuhliso loqoqosho kweli phondo'

Cwayita Nondula|Published

UMphathiswa uNonceba Kontsiwe ebambe isityalo sentsangu encokola nabavelisi bentsangu abebezimase umsitho waseDohne.

Image: Anathi Zitshu/DoA

Oku kuthethwe nguMphathiswa wezoLimo eMpuma Koloni uNonceba Kontsiwe ebethetha neengcaphephe zezolimo, icandelo labucala, amaziko emfundo ephakamileyo nezikolo ebezizimase umsitho weOpen Day eDohne Agricultural Research Institute eStutterheim.

Umxholo walo msitho ubusithi, “Ukukhuthaza ukhuseleko lokutya nesondlo kusetyenziswa ubuchwepheshe bemozulu.”

UKontsiwe uthe urhulumente wephondo ngoku ubhengeze ezolimo njengelona candelo liphambili kwiphondo kuphuhliso loqoqosho njengoko ishishini leemoto liye lafumana ubunzima njengoko iinkampani ezivelisa iimoto kwiphondo ziyavala okanye zijongene nekamva elingaqinisekanga.

"Ngenxa yemeko elusizi yokuba ishishini leemoto liyavalwa kwaye abantu baphulukane nemisebenzi, umgodi esinawo njengephondo ngumhlaba. Ngoko ke bantwana bam ukuba nikhetha izifundo zezolimo njengekhondo lenu, nikwindlela eyiyo," utshilo uKontsiwe ebhekisa kubantwana besikolo.

Uqhube wathi, "Ezolimo ziba ngundoqo kuqoqosho lwethu kungoko urhulumente ekhupha imali yokuphucula ezolimo. Anilahlekanga ngokuba lapha, ndifuna nazi ukuba umhlaba esiwushiyelwe ngookhokho bethu lilifa lethu elidinga izandla zenu."

UMphathiswa ukhuthaze abafundi ababekho ukuba bangalijongeli phantsi icandelo lezolimo. "Sifuna nazi ukuba ezolimo licandelo enifanele nijonge kulo kuba ayingomsebenzi nje wodwa kodwa linokwenza nibe ngoosomashishini. Sifuna ukunikhuthaza kuba ngezolimo ningakwazi ukulwa nentlupheko niqeshe abantu," utshilo.

USihlalo weKomiti yeSebe lezoLimo, uFundisile Bese, ugxininise amazwi kaMphathiswa uKontsiwe malunga nokubaluleka kophuhliso lwezolimo ephondweni. "Icandelo lezolimo lifana neCinderella yaseMpuma Koloni. Isebe liqhuba kakuhle ngokubhekiselele noxanduva kwaye liyalugqiba uhlahlo lwabiwo-mali lwalo. Ezolimo zinesakhono esikhulu sokudala amathuba emisebenzi kweli phondo," utshilo uBese.

UBese ukwathe iphondo linemithombo yoqoqosho emininzi kodwa kukho imfuneko yokubeka ezolimo kumbindi wophuhliso ngokusebenzisa amaziko afana neDohne kunye nawemfundo ephakamileyo.

Umfama osemtsha waseBerlin obezimase lo msitho uNonkululeko Mendwana uthe lo msitho umncede ngolwazi ngeendlela ezahlukeneyo zokuphucula umsebenzi wakhe wokulima. "Bendinengxaki ngomhlaba wam obungakwazi ukuvelisa njengoko kufuneka kodwa ngoku ndiza kuthatha iisampulu ndiye eDohne kwaye ndiyazi ingxaki. Ndifunde okuninzi apha kwaye ndiza kuhlala ndinxibelelana neli ziko," utshilo.

Omnye umntu omtsha obezimase noxhamle kulwazi alufunde kulo msitho, uAyabonga Waphi ofunda uGrade 11 kwisikolo samabanga aphakamileyo iKubusi, uthe: "Ndiyazi ngoku ukuba ngemisebenzi yezolimo awuzondli wena kuphela kodwa isizwe ngokunjalo ngokudala amathuba emisebenzi. Ndikhethe ukuya kwicala lemveliso yemifuno emva kokufumana ulwazi lwengcaphephe ngayo."

Urhulumente wephondo leMpuma Koloni usoloko ekhuthaza abantu abatsha ukuba bazibandakanye nezolimo kwaye isebe lezolimo ephondweni lizama ngandlela zonke ukunikela ngezixhobo zokusebenza kumafama ephondweni ukuze aphucule umsebenzi wawo nanjengoko eli candelo lisiba ngowona mphuhlisi wezoqoqosho ephondweni.