UNosipho Vuthela ngumfama weetapile ophambili eMpuma Koloni.
Image: Facebook
Kuthiwa iitapile zezona zithengiswa kakhulu kwiivenkile zoMzantsi Afrika xa kuthelekiswa nezinye izinto ezilinywa emasimini.
UNosipho Vuthela ngumfama weetapile odumileyo kwilali yaseUpper Ngxaxha kwidolophu yaseMount Fletcher. UVuthela uxhobe ngemfundo yakhe equka ulwazi lokuvelisa izityalo nezilwanyana ngokunjalo.
Lo mfama uncance ulwazi lwezifundo zolimo kwikholeji yezolimo yodumo eMpuma Koloni iFort Cox eXesi.
UNosipho Vuthela ngumfama weetapile ophambili eMpuma Koloni.
Image: Facebook
Ukwangumfama oziqaqambise ngamandla kwiimveliso yeenkukhu, ukutya kwemfuyo nokuthetha kwimicimbi yamafama ikwasesinye sezakhono anazo.
Kuthiwa ukwadlala indima ukunceda nokuncedisa abafundi logama ekwancedisana namafama asakhulayo.
Phantsi kwenkampani iGedlumhlanga Youth Cooperative ekunye neqela lakhe asebenza nalo, benza umsebenzi oxubileyo wezolimo nokufuya.
Iitapile zikaNosipho Vuthela.
Image: Facebook
"Maninzi kakhulu amathuba kwezolimo, kukho iingxelo zokuba ngonyaka ka2050 ubomi buza kuba buxhomekeke ngamandla kwezolimo, oku kuthetha ukuba uninzi luza kuba luphila ngezolimo," kucacisa uVuthela.
Ulutsha ngumqolo welizwe kuba balikamva eliyakuthatha iintambo kwabo baphetheyo ngoku, ukuba hlupheza ngezolimo licebo lokukhusela ikamva.
Inkampani iPotatoes SA ihamba phambili ngokuxhobisa amafama weli ngezakhono, ulwazi nezixhobo zokukhulisa iimveliso yeetapile eMzantsi Afrika.