UAliko Dangote ufuna ukutyala imali kwimveliso yezichumisi ukuze iAfrika ingafumani zichumisi kwamanye amazwe.
Image: BRENDAN MCDERMID/REUTERS
Amafama aseAfrika kudala exhomekeke kwiimveliso zokulima eziquka izichumiso namayeza emfuyo, uAliko Dangote osisityebi saseNigeria uthi uza kuqalisa ukuthengisela amafama iimveliso zokuchumisa umhlaba.
Ukuveliswa kwezichumiso zokulima eAfrika kuza kwenza ukuba amafama weli afikelele lula kwizichumiso kwakunye namanye amachiza okulima.
Iinkampani zaseNtshona zilixhaphaze kakhulu ilizwekazi laseAfrika ngokulithengisela iimveliso zolimo logama abezoshishino kwezolimo eAfrika bengalifumani ithuba lokuzivelisela iimveliso zabo.
"Kwisithuba seenyanga ezingamashumu amane amazwe aseAfrika aza kwahlukana nokuthenga izichumiso kumazwe aseNtshona, ingakumbi iUrea," kutsho ingxelo yeofisi kaDangote.
Umzi mveliso wakhe wokuvelisa izichumiso ozinze kwikomkhulu laseNigeria uLagosa uza kwandiswa ngeenjongo zokukhulisa imveliso yesi sichumiso.
"Sijonge ukuyenze ukuba iphinda phindeke imveliso yethu yesichumiso sohlobo lweUrea ukuze amafama asifumane ngaphandle kwengxaki esi sichumiso," itsho ingxelo yeofisi.
Injongo kaDangote kukwakudala indima kwezolimo eAfrika nanjengoko sele esenza ngeemveliso eziquka itumato etyalwa kumhlaba omkhulu kakhulu eNigeria.
"Ngokwenza oku sijonge ukukhulisa imveliso yokutya eAfrika, ukuthatha inxaxheba kwiinzame zokuqinisa uqoqosho nokukhuthaza amafama asakhulayo kwilizwekazi laseAfrika," kutsho ifosi kaDangote.
Ilizwekazi laseAfrika lithenga amachiza aquka awokuthintela kumazwe angaphandle ukuze kunyangwe imfuyo yeli leAfrika.