UMphathiswa weSebe lezoLimo eMpuma Koloni uNonceba Kontsiwe uvule ngokusesikweni indawo yokucheba iigusha eUpper Qebe ekunye noMngcineli Koyo onguSihlalo weUpper Thuthukani Wool Growers Association.
Image: Olwetu Batyi/ECDoA
Amafama aseNgcobo anikezelwe ngendawo exhotyisiweyo yokucheba uboya beegusha liSebe lezoLimo eMpuma Koloni nexabisa imali engaphaya kwesigidi seerandi (R1.6 million) ngeenjongo zokuphucula imveliso yoboya emva kokusebenzisa urontawuli ukwenza umsebenzi wabo.
Olu nikezelo lwenziwe ngoLwesibini wale veki, eUpper Qebe nalapho uMphathiswa wezoLimo ephondweni, uNonceba Kontsiwe, enikezele ngokusesikweni eli ziko njengenxalenye yesicwangciso esibanzi sokuqinisekisa ukuba amafama asemaphandleni ayaxhamla kwimveliso yoboya enengeniso.
UKontsiwe uthe injongo yokubonelela ngeendawo zokucheba uboya beegusha kukuphucula umgangatho nobuninzi boboya. "Siyayazi amafama akholelwa ukuba uboya bubutyebi babo kungoko sibakhuthaza ngokubabonelela ngamaziko okucheba ukuphucula umgangatho woboya ukuze nabo babone ukuba uboya bubutyebi babo," utshilo uKontsiwe.
Uqhube wathi, "Siyabancedisa ukuze uboya babo bungangcoliseki kodwa buphume bucocekile kwaye bukumgangatho ophezulu. Oku kuthetha lukhulu kuba ubungakanani nomgangatho woboya ababuvelisayo buza kunyuka kuba bebonelelwe ngendawo engcono yokucheba iigusha zabo."
Amalungu ombutho wasekuhlaleni wamafama woboya balivuyele eli ziko nanjengoko liza kuphucula umsebenzi wabo. Lo mbutho obizwa ngokuba yiUpper Thuthukani Wool Growers Association kuthiwa ubunjwe ngamalungu angama28, kula malungu ama20 ngamakhosikazi kwaye isibhozo ngamadoda.
Ngokwengxelo yeSebe, kulo nyaka uphelileyo lo mbutho wacheba iigusha ezingama2800 waze wavelisa iingxowa zoboya eziyi19 ze wafumana ingeniso yeR154 324.
ISebe lithe phakathi konyaka-mali ka2022/23 ukuya ku2025/25 la mafama avelise uboya obuzise ingeniso yeR456 301, kwaye banemalike ezinzileyo ngeBKB.
USihlalo walo mbutho wamafama woboya, uMgcineli Koyo, khange akwazi ukuzibamba lulonwabo. "Sivuya kakhulu namhlanje ukuba nesi sakhiwo. Iza kutshintsha ubomi babantwana bethu kuba xa sasiqala besisebenzisa izindlu zodaka kodwa bona baza kusebenzisa isakhiwo esisemgangathweni.
"Sifuna ukuba ngumzekelo, sithembisa urhulumente ukuba kule minyaka mihlanu izayo, ukuba sifumene inkxaso, sakukwazi ukuqesha abantu abatsha abangaphezu kwesithoba esibaqashayo xa sicheba iigusha zethu kweyoMsintsi," utshilo uKoyo.
Uthe ngezolimo bakwazile ukondla nokusa abantwana babo esikolweni. UKoyo ukwabongoze amafama ukuba amanyane ukuze akwazi ukwabelana ngezixhobo nangeengcebiso ngelizama ukulwa ukhwekhwe lweegusha obuchaphazela umgangatho woboya babo.
Eli ziko liyinxalenye yamaziko okucheba angama20 aye akhiwa liSebe kunyaka-mali ka2024/25. ISebe liqinisekise ukuba kunyaka-mali ka2025/26 liza kwakha amaziko okucheba ali12 ngenjongo yokuxhasa amafama asekuhlaleni kunye namafama asakhasayo ukuba enze ingeniso ebonakalayo.