Ugadla ngamandla uMagadla kwezolimo.
Image: Facebook
Kuyavuyisa ukubona ulutsha loMzantsi Afrika olufana noZuko Magadla lukhula, lulima ngamandla ukuzenzela ingeniso kwezolimo, ingakumbi kwiphondo elifana neMpuma Koloni.
Kutshanje, lo mfama uvune umbona obomvu nomhlophe emva kokusebenza nzima ngexesha lasehlotyeni.
"Kumhlaba oziihektare ezingamashumi amahlanu sivune umbona omhlophe, saza kumhlaba oziihektare ezingamashumi asixhenxe savuna umbona obomvu," itshilo ingxelo.
Ugadla ngamandla uMagadla kwezolimo.
Image: Facebook
Ngokwale ngxelo, yimali ngeniso ekwizigidi ezithathu ekulindeleke ukuba yenziwe ngulo mfama ngomsebenzi wakhe wokulima athengise lo mbona. Oku kubonisa ngaphandle kwamathandabuzo ukuba ukuzinikela kwabantu abatsha kwezolimo kunegalelo elicacileyo ukuguqula iimpilo zabo nabanye oogxa babo.
UMagadla uthi ukuvuna umbona ngowona msebenzi umkhulu adibana nawo xa esenza umsebenzi wakhe wokulima. "Ukuvuna yeyona nto ingumceli mngeni omkhulu, wonke umsebenzi kufuneka wenziwe ngexesha elincinci, kuneka kuhanjwe ngezantya ukuqinisekisa ukuba akukho lahleko," kutsho uMagadla.
Ugadla ngamandla uMagadla kwezolimo.
Image: Facebook
Uthi eli ikwalixesha elinika umdla kuba lixesha lokubona nokuvuna iziqhamo zomsebenzi onzima owenzekileyo. Umbona kaMagadla uza kuthengiswa kumaziko aphambili aquka iIkhaya Milling eDyoki kwakunye noOVK eKhowa.
"Omnye umbona uza kuthengiswa kubathengi benkampani yethu iMthakatye Milling nekukwalindeleke ukuba ugutywe ukuze uvelise ezinye iimveliso zombona," utshilo uMagadla.
Kumsebenzi wakhe wokulima umhlaba ongaka, uMagadla uqhwabela izandla iarhente karhulumente ejongene nophuhliso lwamaphandle, iEastern Cape Rural Development Agency (ECRDA), ngokumxhasa ngemali yokwenza lo msebenzi.
"Kube luchulumanco kum ukusebenza nabakwaECRDA, indlela yonke endiyihambe nabo ibe yehambeka ngovuyo nolonwabo, ukusukela kwinqanaba lokufaka isicelo ukuza kuba kwinqanaba lokufumana imali," uqhayise watsho uMagadla.