Umfama uKagiso Malope.
Image: Facebook
Le yinyanga yolutsha, ulutsha likamva kwilizwe nakwihlabathi ngokubanzi, ulimo nokufuya bubomi ikwayindlela yokulwa indlala ejijisa ulutsha.
UKagiso Malope waseBushbuckridge ngumfama oneminyaka engamashumi amabini anesibini oqale ukulima eneminyaka elishumi elinethoba kuphela.
UMalope ukwangumsunguli weKgakgara Holdings Farming nalapho alima khona ikhaphetshu elininzi kakhulu.
"Ndisebenzisa umhlaba oziihektare ezintlanu, ndiqale yonke le nto ndineminyaka elishumi elinethoba kuphela, ndikhuthazwa ngabazali ababengamafama nabo ngelo xesha," uhambise watsho uMalope.
Ikhaphetshu likaKagiso Malope.
Image: Facebook
Kumaxesha anzima anje okunqongophala kwamathuba okuqeshwa kwabantu abatsha, ulimo nokufuya yeyona ndlela banokuziphuhlisa ngayo. Uninzi lwabo luyakuthanda ukulandela umzila wokukhangela amathuba oshishino norhulumente bambi kubo bekwakhangela nemisebenzi.
"Ndithengisa imifuno equka ikhaphetshu, ispinatshi, itswele nezinye ke izinto ezilinywayo, kodwa ezi zezona ziphambili ndiqine ngazo," uthethe watsho uMalope.
Ulutsha lephondo laseLimpopo lisoloko lihamba phambili ngenxa yendima enkulu abayidlala kwezolimo besilwa indlala emakhayeni abo. Kwimiboniso yamafama emininzi eqhutywa kweli, ulutsha lwaseLimpopo lisoloko lihamba phambili.
"Icebiso lam kulutsha kukuba umntu angalindi elinye ixesha, koko makaqale ngoku ngezi zinto zikufutshane kuye ukuze abefunda iingxaki neempazamo ngaxeshanye," kutsho uMalope.
Ukukhuthaza nokukhulisa ulutsha kwezolimo, iNkulumbuso yeMpuma Koloni uOscar Mabuyane unikise ngoogandaganda kulutsha oluphuma kwizithili zonke zeli phondo kumsitho obubanjelwe kumabala emidlalo eMalahleni.