Entsimini

Iimpazamo eziphambili xa kutyalwa iitumato

Siyabulela Mqikela|Published

Iimpazamo ekufuneka uziphephe xa utyala iitumato.

Image: iStock

Itumato sisityalo esithanda amanzi, ubushushu nomhlaba ohlala unokufuma okwaneleyo maxesha onke. Esi sityalo sifa lula xa sidibene nemeko enengqele egqithisileyo okanye amanzi amaninzi, funda ke nazi ezinye iimpazamo eziphambili ezibulala itumato yakho mfama:

 

  • Kwabo batyala besebenzisa iinkonkxa kufuneka uqinisekise ukuba inkonkxa yakho inkulu ngokwaneleyo, iingcambu zetumato azikuthandi ukuxinana.

 

  • Umhlaba ongakwazi kufunxa amanzi ngokwaneleyo uyazibulala izithole zetumato, ngoko kufuneka uqiniseke ukuba amanzi ahamba ngaphandle kwengxaki ukuya kwiingcambu zetumato yakho. Ukungavulwa kwemingxunya kwinkonkxa yakho kungabangela ukungahambi kakuhle kwamanzi, vula imingxunya eyaneleyo.

 

  • Ukungankcenkceshelwa rhoqo yenye yeengxaki ezibangela ukufa kwizityalo okanye izithole zetumato yakho. Nkcenkceshela ukuze ungafelwa zizithole. Mazihlale zifumile izityalo zakho ngamaxesha okanye, kodwa ubumanzi bakho bungagqithisi.

 

  • Ukungafumani langa laneleyo kwezityalo zakho kubangela ukuba zingakwazi kukhula ngokufanelekileyo. Kaloku ilanga lidlala indima enkulu xa izityalo zakho zisenza umbala okanye imibala yazo. Mazingasithwa elangeni kwaye mazifumane ilanga isithuba seeyure ezintandathu ukuya kwezisibhozo ngemini.

 

  • Ukungasetyenziswa kwezichumiso ngendlela efanelekileyo. Sebenzisa izichumiso ukuze izityalo zakho zikwazi ukufumana izithako ezincedisana nokukhula kwazo ezifana nezakha mzimba. Isichumiso sakho masibe sesithwele zonke izithako ezidingwa zizityalo ezinje ngetumato.

 

  • Xa zityalwe zaninzi kwindawo enye ziyabulala izityalo zetumato, ngoko ke mfama musa ukuzixinanisa izityalo zakho zetumato xa utyala.