Iimveliso zenkukhu eziphuma eBrazil ngoku zivumelekile ukungena eMzantsi Afrika emva kokuba bezingavumelekanga ngenxa yomkhuhlane wenkukhu obuhlasele ela lizwe.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Ukusukela ngomhla weshumi elinethoba kule nyanga yeSilimela, urhulumente woMzantsi Afrika uzivulile kwakho iingcango ukuba ingene inyama yenkukhu yaseBrazil kweli loMzantsi Afrika.
Kwisithuba senyanga egqithileyo, iimveliso zenyama yenkukhu ezisuka kwilizwe laseBrazil ziye zayekiswa ukungena kweli ngenxa yesifo esiye sabhaqwa kwela lizwe.
Ingxelo yeofisi yoMphathiswa wezolimo kweli, uJohn Steenhuisen, ithi emva kokuqaphela izinto ezithile benze unyenyiso kwesi sigqibo.
"Nangona kunjalo, amafama noluntu ngokubanzi mabazi ukuba olu lunyenyiso lethutyana, singaphinda siyinqumamise inyama yenkukhu yaseBrazil nanini xa kukho imfuneko," kutsho uSteenhuisen.
Ngokwengxelo yesebe lezolimo kwilizwe laseBrazil, isifo somkhuhlane wenkukhu siphantsi kolawulo kwela lizwe.
Umbutho iSouth African Meat Processors Association (SAMPA) uliqhwabele izandla eli nyathelo lokubuyiswa kwenyama yenkukhu yelizwe laseBrazil. UGeorge Nicoll weSAMPA uthi oku kuza kunceda ukuqhubela phambili indlela yokuthengwa nokuthengiswa kwenyama, ingakumbi eyenkukhu.
"Imeko eqhubeke kwilizwe laseBrazil ibonisa ukuba amazwe ehlabathi onke, kuquka noMzantsi Afrika, kufuneka azilungiselele ukujijisana nezifo eziqubulayo kwanezo ziphindaphindayo," kutsho uNicoll.
Ilizwe loMzantsi Afrika linobudlelwane obuqinileyo nelizwe laseBrazil nanjengoko bengamalungu eBRICS enyanzelisa intsebenziswano yamazwe angamalungu ale ndibanisela.