UMphathiswa weSebe loPhuhliso lwamaPhandle noHlengahlengiso lwezoLimo, uNonceba Kontsiwe, ejonge iinkukhu zomfama ekunye namagosa.
Image: DRDAR
Bangaphaya kwekhulu lamafama asakhasayo abonise iimveliso zawo kumboniso wezolimo eBhisho ngoLwesithathu, umhla we18 kweyeKhala 2025, kwaye babongozwa ukuba basebenzise amathuba abawanikwe ngurhulumente ukuze bakhule kumsebenzi wabo wokufuya nokulima.
ISebe loPhuhliso lwamaPhandle noHlengahlengiso lwezoLimo eMpuma Koloni libambe umboniso wezolimo eBhisho Showgrounds noyinxalenye yeenzame zeli Sebe zokuhlaziya imiboniso yezolimo kweli phondo.
UMphathiswa weli Sebe, uNonceba Kontsiwe, uthe wanelisekile ngumgangatho wemveliso ethe yaboniswa kulo msitho. "Intliziyo yam izaliswe luvuyo kuba ndibone umgangatho wemveliso eboniswe apha. Oku kuthetha ukuba abantu bakuthi bazimisele ukulwa indlala. Sifuna ukuba nibe ngoosomashishini, ndifuna ukugxininisa oko kuba kufuneka nikhule nibe ngamafama amakhulu akwinqanaba eliphezulu," utshilo uKontsiwe okwathe uyavuya kuba uninzi lwamafama ebekulo mboniso belufumene inkxaso kurhulumente ngaphambili.
UNomali Ncumani, ongumfama waseToise kufutshane naseStutterheim ovelisa iintlobo ngeentlobo zemifuno ekwafuya neenkukhu, uvakalise uchulumanco lwakhe.
"Ndifunde lukhulu ngokuthetha namanye amafama apha ndaza ndabona indlela izinto ezinokwenziwa ngayo ngeendlela ezahlukeneyo ukuphucula imveliso. Umba obalulekileyo lumanyano endilubonileyo phakathi kwamafama kwaye umanyano luya kusibeka kwindawo ephezulu," utshilo uNcumani.
Ezinye zeemveliso ebeziboniswa kumboniso wezolimo eBhisho.
Image: DRDAR
Abathathi nxaxheba abangundoqo nabo bebekho, bekhuthaza amafama ukuba athethathethane nabo ukuze bafikelele kwimalike. Aba bathathi nxaxheba baquka iArhente yoPhuhliso lwamaPhandle eMpuma Koloni (ECRDA), uMasipala weSithili saseAmathole, uMasipala oMbaxa waseBuffalo City, iArhente yoPhuhliso lwamaShishini amaNcinci nezeMali, iQumrhu loPhuhliso leMpuma Koloni (ECDC), iBhunga loPhando lwezoLimo (ARC), iLuziko Fresh Produce, iFoody Basket kunye nezinye ezininzi.
Ecebisa amafama umseki weLuziko, uNkosikho Nkantso, uthethe wathi: "Ndiyanikhuthaza ukuba nisiphathele imveliso yenu, niqinisekise ukuba nivelisa imveliso esemgangathweni ukuze imveliso yenu ikwazi ukuthengisa."
Umphathi weECRDA, uSimphiwe Somdyala, uvakalise ukoneliseka kwakhe yimveliso entle eboniswe ngamafama watsho esithi ubophelela iarhente ekuncedeni amafama ekuboneleleni amanye amasebe karhulumente, aquka ezempilo, ezemfundo kunye neenkonzo zoluleko.
"Siza kuthenga imveliso yamafama kwaye sibonelele namanye amaziko karhulumente, urhulumente, ngeECRDA siza kunceda amafama ukuba afikelele kwimalike," utshilo uSomdyala.
Kwingxelo yangaphambili, isithethi seli Sebe, uAtule Joka, uthe le miboniso ibigxile kwizinto ezifana nomgangatho wemveliso kodwa imodeli yezolimo ngoku iyaqwalaselwa ngokutsha kwaye iza kugxila ekwenzeni ukuba kufikeleleke kwiimalike kunye nokukhuthaza amathuba orhwebo.
"Ukuqala kulo nyaka, imiboniso yezolimo emine iza kubanjwa ngonyaka, enye ngekota, kwiindawo eziphambili.
"Le misitho iza kubonelela amafama asakhulayo ngeqonga lokubonisa iimveliso zawo, anxibelelane nabantu abakushishino lwezolimo, kwaye afumane ulwazi olubalulekileyo malunga neendlela zorhwebo, ezemali, kunye nobuchwepheshe bezolimo bale mihla," utshilo uJoka.