Inkqubo yokugonya iinkukhu iqalile eMzantsi Afrika ukulwa umkhuhlane owaziwa ngokuhlasela iinkukhu.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Ukusukela kwiveki ephelileyo kuqale ngokusesikweni ukugonywa kweenkukhu kweli loMzantsi Afrika ngelithintela umkhuhlane weenkukhu.
Ingxelo ithi le nkqubo iqhubeka ikhokelwe nguMphathiswa weSebe lezoLimo kweli, uJohn Steenhuisen, exhaswa ngumbutho ojongene nokuveliswa kweenkukhu kweli, iSouth African Poultry Association (SAPA).
Olu gonyo luza emva kokuba kuqatshelwe ukukhula kwenani leenkukhu zeli ezihlaselwa ngumkhuhlane othi ubangele ukuba zife iinkukhu.
IYunivesithi yasePitoli kwakunye nebhunga elijongene nophando ngezolimo kweli iAgricultural Research Council bayinxalenye yale nkqubo. Isigonyo H5 kwakunye neH7 zizo ezithe zapasiswa ngurhulumente ukuba zisetyenziswe ukuthintela ukunwenwa kwesi sifo.
Ingxelo ekhutshwe liSebe lezoLimo kweli loMzantsi Afrika ithi iimveliso eziquka amaqanda zisakhuselekile ngoko ke abantu bangazisebenzisa ngaphandle kwengxaki.
Ukuhlaselwa ngulo mkhuhlane kubangela ukuba amafama anyanzeleke ukuba abulale uninzi lweenkuku zawo ngelithintela ukunwenwa kwesi sifo. Amafama akhuthazwa ukuba akhangele ulwazi kumagosa ajongene nempilo yezilwanyana kwiindawo ezikufutshane nawo ukuze akhusele iinkukhu zawo.
Ingxelo yonyaka ka2020 yadiza ukuba ziinkukhu ezingamashumi amabini ezigidi ezikhoyo kweli loMzantsi Afrika. Kodwa ukuhlasela kwesi sifo ngo2023 kwenza ukuba amafama alahlekelwe ziinkukhu eziqikelelwa kwizigidi ezihlanu.
Amafama weenkukhu adlala indima enkulu ukudala amathuba emisebenzi edingwa ngamandla yimeko yezoqoqosho yeli.