Umfama uTumi Mokwene neenkukhu zakhe.
Image: Facebook
Uthando lokufuya nokulima kubonakala xa kanye umfama ezama ukwenza izinto ngezona zinto zincinci nezingekhoyo anazo.
Amanye amafama alinda ukufumana izinto zokuphiwa ngurhulumente okanye ngabanye abantu.
UTumi Mokwene waseMntla Ntshona waqala ukuthenga iinkukhu zakhe zokuqala ngemali awayibolekayo kuba eqhutywa luthando lokwenene lokulima nokufuya, ngokukodwa ukuba ngumfama weenkukhu.
"Ngonyaka ka2006 ndaboleka imali ngeenjongo zokuqala ukufuya iinkukhu, loo mali ndagqiba ukuyibhatala ngonyaka ka2017 emva kokusebenza nzima kakhulu," kucacisa uMokwene. Ngenxa yokuzinikela emsebenzini wakhe, uMokwene uneefama ezimbini ngoku asebenza kuzo.
Iinkukhu zikaTumi Mokwene.
Image: Facebook
"Ndineenkukhu ezingamakhulu amathathu anamashumi amahlanu anesithathu amawaka ngoku, kwaye ishishini lam likhula yonke imihla, oko kungenxa yokuba sele ndinamava," utsho uMokwene.
Ngenxa yokungafumani uncedo lokusebenza amafama amaninzi asaqalayo ayatyhafa ukwenza umsebenzi wawo wokufuya kuba elinde uncedo.
"Kwisithuba seeveki ezintandathu ndiyakwazi ukuvelisa iinkukhu ezingamashumi alithoba anesibhozo amawaka endithi ndizithengise kwinkampani iKroon’s Abattoir," uhambise watsho uMokwene.
Lo mfama ukwathengisela iinkampani zenyama yeenkukhu ezinkulu ezifana noAstral Foods.
"Injongo yam ephambili kukudala amathuba emisebenzi emininzi ukuze lande inani labantu abatsha abaphangelayo kwilizwe loMzantsi Afrika," kutsho uMokwene.