ITopiya lelona lizwe liphambili ngokuvelisa iinkomo eAfrika.
Image: Staff reporter
Iinkomo kudala ziyinxalenye yempilo nezolimo kubantu baseAfrika kwaye zisaqhubeka zidlala indima ephambili kwimpilo yoluntu.
Ilizwe laseTopiya lihamba phambili ngokuba nelona nani liphezulu leenkomo eAfrika. Ingxelo ithi ngamashumi asixhenxe ezigidi iinkomo ezikhoyo kwilizwe laseTopiya kwaye oku kwenza ukuba eli lizwe ibelelona lihamba phambili kwiAfrika yonke.
Olu lwazi lukhutshwe yibhanki yehlabathi iWorld Bank kwiinkcukacha manani zakutshanje malunga negalelo lezolimo kumazwe aseAfrika.
Ilizwe laseTanzania lihleli kwindawo yesibini ngokuba lelona lizwe lilandela ilizwe laseTopiya ngenani eliphezulu leenkomo eAfrika.
Le ngxelo ithi ngamashumi amathathu anesibhozo ezigidi iinkomo ezikhoyo kwilizwe laseTanzania, kwaye ziphila ngempumelelo ngenxa yamadlelo nendalo ehambelana nemfuyo.
Le ngxelo ithi iimveliso zeenkomo eTopiya zigalela imali elishumi elinethoba leepesenti ekhulwini xa ithelekiswa nezinye iimveliso zolimo. Iimveliso zolimo ngokubanzi zidlala indima enkulu ukuqinisa nokukhulisa imeko yoqoqosho kwilizwe laseTopiya.
Iigusha neenkamela zezinye zezilwanyana ezidlala indima ephambili ukungenisa imali ngokufuya kwela lizwe laseTopiya. ITopiya ikwanendumasi yokuvelisa ikofu ezindidi ezininzi eziphambili kwihlabathi.
Eli nani lenziwa ziindidi ezahlukeneyo zeenkomo eziquka ezenyama kwakunye nezo zivelisa ubisi. Iinkomo zelizwe laseTopiya zithengiswa kumazwe aquka amazwe oMbindi Mpuma, afana neSaudi Arabia, Jiphethe naseUnited Arab Emirates.