Entsimini

Isebe lezolimo livuselele imiboniso yezolimo eMpuma Koloni

Cwayita Nondula|Published

Amafama asakhasayo aza kube ebonisa ngeemveliso zawo eBhisho.

Image: iStock

Amafama alikhulu elinamashumi amahlanu (150) aza kube ebonisa ngeemveliso zawo eBhisho Showgrounds ngoLwesithathu ngentsimbi yethoba kusasa njengenxalenye yeenzame zeSebe loPhuhliso lwamaPhandle kunye noHlengahlengiso lwezoLimo eMpuma Koloni (DRDAR) zokuvuselela imiboniso yezolimo kweli phondo nenika amafama iqonga.

Isithethi seli Sebe, uAtule Joka, uthe kwingxelo le miboniso ibigxile kwizinto ezifana nomgangatho wemveliso kodwa imodeli yezolimo ngoku iyaqwalaselwa ngokutsha kwaye iza kugxila ekwenzeni ukuba kufikeleleke kwiimalike kunye nokukhuthaza amathuba orhwebo.

"Ukuqala kulo nyaka, imiboniso yezolimo emine iza kubanjwa ngonyaka, enye ngekota, kwiindawo eziphambili.

"Le misitho iza kubonelela amafama asakhulayo ngeqonga lokubonisa iimveliso zawo, anxibelelane nabantu abakushishino lwezolimo, kwaye afumane ulwazi olubalulekileyo malunga neendlela zorhwebo, ezemali, kunye nobuchwepheshe bezolimo bale mihla," utshilo uJoka.

Ukufezekisa le njongo, iSebe lithe libambisene neFresh Produce Market kuMasipala waseBuffalo City (BCM), iQumrhu loPhuhliso leMpuma Koloni (ECDC), iArhente yoPhuhliso lwamaShishini amaNcinci (SEDA) kunye noMasipala weSithili saseAmathole.

Isithili saseAmathole, nesiquka iBCM, siza kuncedisana nekhulu elinamashumi amahlanu (150) amafama asakhulayo aneemveliso ezahlukeneyo ukubonisa iimveliso zawo kumboniso wezolimo oza kubanjelwa eBhisho Showgrounds.