Entsimini

Kuvulwe iziko elitsha lokucheba iigusha eCumakala eMalahleni

Siyabulela Mqikela|Published

Ivulwe ngokusesikweni indawo yokuchebela eCumakala nguSodolophu uNontombizanele Koni.

Image: Emalahleni Local Municipality

Kwiinzame zokuqhubela phambili amalinge okukhulisa amafama woboya, urhulumente weMpuma Koloni uthe gqolo ukuvula amaziko okucheba iigusha kwiindawo zasezilalini. 

USodolophu waseMalahleni, uNontombizanele Koni, ukhokele inkqubo yokuvulwa ngokusesikweni kweziko lokucheba eCumakala kwaWadi 5. 

AmaSebe karhulumente, aquka iSebe lezoLimo, amapolisa, iSebe lezeMpilo namaziko ajongene nemveliso yamachiza okunyanga imfuyo, ebeyinxalenye yalo mcimbi. Ethetha ngalo msebenzi, uSodolophu uKoni uthe: "Sivule indawo yokuchebela ethe yokhiwa ngabahlali bale ndawo ngokwabo, sivuyiswa nangamandla bubukho beenkampani ezifana noBKB, khumbula ukuba la mafama athengisa uboya babo kula nkampani," kutsho uKoni.

Ivulwe ngokusesikweni indawo yokuchebela eCumakala, eMalahleni.

Image: Emalahleni Local Municipality

Ngaphandle kokuba bebekho abakwaBKB, bakwanikise ngeenkunzi zeegusha kumafama waseCumakala.

"Zilishumi iinkunzi zeegusha ezithe zanikwa la mafama ukuze akwazi ukuqhubela phambili ukuphucula imihlambi yabo ngokukhwelisa ngezi nkunzi," kutsho uKoni.

UMasipala weSithili saseChris Hani apho akhoyo uMasipala waseMalahleni unendumasi yokuba ngoyena Masipala uvelisa uboya obuninzi kuzwelonke.

Ivulwe ngokusesikweni indawo yokuchebela eCumakala, eMalahleni.

Image: Emalahleni Local Municipality

"Sivuyiswa yilento yokuba amafama aza kuzigcina ezi gusha ukuze kuphucuke imihlambi yabo, kaloku ukuphucuka kwemihlambi kukuphucuka koboya bezi gusha zichetywa ngala mafama," kutsho uKoni.

Ukuxhotyiswa kwamafama ngeendawo zokuchebela yenye yeenzame ekukudala zisenziwa ngurhulumente kuzwelonke nakumaphondo.

UNolathu Tshaka ngumfama woboya okula ndawo yaseCumakala nongomnye wamafama ahambe phambili ukuququzelela lo msebenzi.

"Ngo2012 sadibana sathetha ngelithi masiqalise iinzame zokuba sakhe elethu iziko lokuchebela, ezi ke ziziphumo zalo msebenzi," kutsho uTshaka.