Ikwepile sisiqhamo esasityalwa kakhulu ngabantu ngamaxesha amandulo esinokulinywa ngabantu ngoku.
Image: iStock
Bambalwa kakhulu abantu abasaziyo esi siqhamo ngenxa yokuba sele sinqabile kwiindawo ebesityalwa kuzo ngaphambili.
Ikwepile sisiqhamo ebesikhe saxhaphaka kakhulu kwiingingqi zaseTranskei kuba sasiyinxalenye yeziqhamo ezathi zatyalwa ngobuninzi kwiinzame zokulwa indlala.
Kurhulumente waseTranskei kwakukhuthazwa amakhaya ukuba atyale iziqhamo, esi siqhamo sasihamba phambili ngencasa yaso ebumuncwana.
Imbali ithi ikwepile isuka kumazwe amaGrike, eRoma eIthali nakwilizwe laseJiphethe kwaye yayityalwa njengephawu lothando phakathi kweentsapho ngaloo maxesha.
Njengazo zonke iziqhamo, ikwepile iqulethe kuyo inzuzo yezempilo emangalisayo xa ithelekiswa nezinye iziqhamo ezifana nayo.
Ngenxa yokuba ikwepile iqulethe ifayibha eyaneleyo, iyakwazi ukuncedisana nenkqubo yokucola ukutya esiswini salowo uyityileyo, ukucoleka kokutya kuncedisana nempilo yomntu ngamnye.
Ikwepile idlala indima enkulu ukuncedisa amajoni omzimba ukuze akwazi ukulwa neendidi zezifo ezihlasela umzimba mihla yonke. Ikwaqulethe uVithamini C onqanda ukunwenwa kwengqele emzimbeni womntu ngamnye.
Ikwepile ikwadlala indima ephambili ukuncedisa umzimba ukuba ukwazi ukulwa nezifo ezihlasela intliziyo ezithi zibangele izifo ezifana nokufa kwecala.
Ikwaqulethe izithako zempilo ezikwazi ngaphandle kwamathandabuzo ukuqinisa amathambo emzimbeni womntu odinga oko.
Inika umzimba izakha mzimba eziquka ikhalisiyam, ophothaziyam kwakunye nemagneziyam ukuze umzimba womelele.
Abo bavelisa ukutya bayayisebenzisa ikwepile ukuvelisa izithako zokwenza ukutya kubemnandi, iyakwazi ukwenza iti, iyasetyenziswa kwizityu ezahlukeneyo ekhitshini.
Ukanti amafama ayathanda ukuyenza umqwayito ukuze ityiwe yomile incamise ngencasa ekhatshwa bubumuncwana obuthandwa ngamandla ngabo bathanda umqwayito.
Ikwepile iyalinywa kweli loMzantsi Afrika ingakumbi kwindawo apho kufumeneka khona imvula ngexesha lasebusika. Umthi wekwepile uhlala isithuba seminyaka engamashumi amahlanu, kuloo minyaka, iminyaka engamashumi amabini anesihlanu uvelisa iziqhamo ezaneleyo.