Indlela etyebe ngayo inkomo yakho inokuchaphazela ixabiso xa uyithengisa.
Image: Ayanda Ndamane Independent Newspapers
Umyinge wemali oyibizayo xa uthengisa iinkomo zakho uxhomekeka kumsebenzi wokondla nokukhulisa inkomo yakho ngendlela. Ukutyeba kwenkomo kunefuthe elimandla kumyinge nendlela ogqiba ngayo ixabiso lenkomo yakho xa uyithengisa.
Ngoko ke kufuneka ukuba umfama aqinisekise ukuba usebenza nzima ukutyebisa inkomo ngaphambi kokuba acinge ngokuyithengisa. Enye yeendlela zokutyebisa iinkomo kukuba iphile ngokondliwa ingayi emadlelweni, logama ikwakho leyo ixhomekeka ukuba itye emadlelweni.
Kwelinye icala ke umfama, uyakwazi ukukhulisa iinkomo zakho ngokuba zondliwe ngokuya emadlelweni nokondliwa ekhayeni ngaxeshanye.
Ukutya okuphambili okutyebisa inkomo koko kuqulethe izakha mzimba ezinika amandla kwisilwanyana sakho maxesha onke. Iintsuku ezingamashumi alithoba inkomo ivalelwe isitya ndaweninye, isela amanzi, inikwa nezakha mzimba yindlela yokuqala ukukhulisa inkomo yakho.
Oku kwenziwa ke kwimeko apho ezi nkomo zithi zivalelwe kwindawo enye zingadibani nezinto ezivela ngaphandle eziquka izifo nezinye ke izinto. Kaloku ukuhamba imigama emide kuphazamisana nokukhula kwezihlunu enkomeni yakho, logama ukuhlala kwindawo enye kuncedisa ukukhula kwezihlunu zenkomo yakho.
Ukuze uphumelele apha kufuneka ukuba ukhethe iinkomo ezifanele lo msebenzi wokuba zityebe zibe ziinkomo zenyama ngokwendalo yazo. Kufuneka usebenzise iinkomo ezibudala zineminyaka eqala kunyaka omnye ukuya kwiminyaka emihlanu ubudala.
Kufuneka ukuba ukwazi ukuqaphela iimpawu zenkomo zenyama, zibe azina zifo zikhuselwe ngokuthintelwa izifo nezinye iingxaki.
Indawo ekhuselekileyo yokuhlala kweenkomo zakho ibalulekile, kaloku ziyabhitya ngenxa yokugodola iinkomo, ngoko ke indawo evalekileyo ibalulekile kuzo.
Amanzi acocekileyo okusela, kwaye loo ndawo kufuneka ukuba ibe ingena umoya owaneleyo ngamaxesha onke.
Fumana ulwazi ngeendidi zokutya okufanele ukuba ukunike iinkomo zakho, amagosa karhulumente anganceda koku.
Umyinge wokutya onguwo wokondla iinkomo ziikhilogram ezisixhenxe ukuya kwezilishumi ngenkomo nganye ngosuku. Kufuneka ukuba zitye kathathu okanye kabini ngosuku ezi nkomo ukuze zikwazi ukwakha umzimba owunqwenelayo njengomfama.
Amachiza ezempilo aquka awokugonya nokukhupha iintshulube logama ukwabeke iliso elibukhali kwinkomo nganye kwiinkomo zakho. Kubalulekile ukuhlala unxibelelana noGqirha wezilwanyana ngamaxesha onke okanye igosa lezempilo elikufutshane nawe.
Gcina iinkcukacha zakho zemihla ngemihla malunga nezinto ezenzeka kwiinkomo zakho, umhla wokufika kwazo, umhla wokuseza, owokutofa njalo njalo.