Entsimini

Ufunqu omhle kwisivuno seemveliso zeorenji

Siyabulela Mqikela|Published

Kulindeleke isivuno esihle seemveliso zeorenji kule sizini yokuvunwa kweemveliso zeorenji.

Image: Doctor Ngcobo / Independent Newspapers

Iqale ngokusemthethweni kwinyanga ephelileyo uTshazimpuzi isizini yokuvunwa kweemveliso zeorenji kweli loMzantsi Afrika. 

Ingxelo yeCitrus Growers Association ithi kulindeleke ukuba kubekho isivuno esikumyinge ongaphezulu kakhulu kuneso sonyaka ophelileyo xa kuthelekiswa ngokweetoni. 

Ukugqibelela kweemveliso eziquka iilamuni kwenze ukuba kuqaliswe phambi kwexesha ukuvunwa kwezinye iimvelizo zeorenji ngamafama amaninzi oMzantsi Afrika.

OnguMphathi kwiCitrus Growers Association uGqirha Boitshoko Ntshabele uthi amafama weemveliso zeorenji akulungele ukuqalisa ukuvuna.

"Ilamuni yethu ifunwa kakhulu kumazwe ehlabathi, kwaye ixabiso layo nalo linyukile ngoko ke sinethemba lokuba amafama weelamuni aza kwenza ingeniso ecacileyo," kucacisa uNtshabele. 

Uthi nangona kukho ukukhula okumandla kwimveliso kwakunye nentengiso yeemveliso zamaorenji, kukho inkxalabo malunga neemalike eziquka iMelika.

"Nangona izipesenti ezintandathu kuphela umyinge weemveliso zeorenji zethu ezithengiswa eMelika, kodwa kubalulekile ukugcina ubuhlobo norhwebelwano namazwe afana neMelika, ukuqhawuka kobu budlelwane kungabetha ngamandla amaphondo aquka uMntla Koloni neNtshona Koloni," ubongoze watsho uNtshabele.

Ingxelo yeCitrus Growers Association ibonisa ukuba phantse zonke iimveliso zeorenji zeli ziza kuthengisa ngaphezu kweqondo lonyaka ophelileyo xa kugqitywa ukuvunwa kulo nyaka.

"Sinethemba nenkolo yokuba siza kuba nonyaka omhle kakhulu ngokwesivuno kulo nyaka, ngaphandle kwamathandabuzo umyinge esiza kuwuthengisa kumazwe angaphandle uza kuba unyukile nakanjani," kutsho uNtshabele.

Imvula ezine ngamandla ekupheleni konyaka ophelileyo ukuza ekuqaleni kwalo nyaka zibangela ukukhula kwesivuno esizindidi kumafama oMzantsi Afrika.

Amazwe aquka iJamani, Spain, Fransi kwakunye nelizwe laseItaly ahamba phambili ngokuthenga iimveliso zeorenji lelizwe loMzantsi Afrika. Imbumba yamazwe aseYurophu ngumxhasi omkhulu weemveliso zeorenji zelizwe loMzantsi Afrika.