Imveliso yeembotyi zohlobo lwesoya ezityalwa eMthatha yiJJ Farm.
Image: Facebook
Ukuvuna isivuno esicacileyo yeyona nto ihlala inqwenelwa ngamafama amancinci namakhulu kweli nanjengoko injongo ikukwenza imali ngokulima nokufuya.
Ekugqibeleni xa ethe wabuya nesivuno esihle umfama uyakhuthazeka, logama ekwafumana iimpiko zokukhulisa ishishini lakhe nangaphezulu.
IJJ Farming lilinge lezolimo elikhokelwa lulutsha kwidolophu eBhaziya, eMthatha, eMpuma Koloni nelisele lisaziwa ngenxa yeenzame zalo kwezolimo. Ingxelo ithi iJJ Farming ivuna umyinge weembotyi zesoya eziqikelelwa kwitoni enye ukuya kwezimbini ngehektare.
Imveliso yeembotyi zohlobo lwesoya ezityalwa eMthatha yiJJ Farm.
Image: Facebook
Umyinge wesivuno setoni enye okanye ezimbini zeembotyi zesoya singenisa imali eqikelelwa kwisigidi seerandi xa ijongwa ngokwemali. IJJ Farmingi ilungiselela ukuvuna umbona kungekudala emva kokuba begqibe ukuvuna iimbotyi zesoya.
Iimbotyi zohlobo lwesoya zezona zixabiso liphezulu kwihlabathi xa zithelekiswa nezinye iindidi zeembotyi, kwaye zikhula ngaphandle kweengxaki. Abanikazi balo msebenzi uMzimasi Jalisa kwakunye noSiphe Singasezulu Joyi bachulumancile ziziphumo zomsebenzi onzima wezandla zabo.
Imveliso yeembotyi zohlobo lwesoya ezityalwa eMthatha yiJJ Farm.
Image: Facebook
"Ndiziva ndichulumancile ngenxa yesi sivuno, ndizaliswe lithemba ngenxa yesi sivuno salo nyaka, oku konke kubonisa ukubaluleka kokukhathalela umhlaba," kutsho uSiphe Joyi. Ukutshintsha izinto abazilimayo lelinye lamakhubalo elibasebenzeleyo ukuze bakwazi ukufika kwindawo abakuyo kwezolimo.
"Kuyavuyisa ukuzibona uvuna iziqhamo zomsebenzi wakho kakuhle kanje, ibikokuqala ukuba sityale iimbotyi zohlobo lwesoya, ngoku sivuya kakhulu ngenxa yesivuno sethu sokuqala," kutsho uJalisa.
Uthi kusafuneka ukuba benze nangaphezulu kokuba benzile ukuze bakwazi ukukhulisa umsebenzi wabo wokutyala imbotyi zesoya. "IJJ Farming ikwavelisa imifuno, iimveliso zenkozo kwakunye nenyama yenkomo, iimveliso zethu zithengiswa eOVK ,Ikhaya Milling naseUgie Feeds," kucacisa uJalisa.