Entsimini

Athwaxwa yimbalela amafama aseBritane

Siyabulela Mqikela|Published

Imbalela yaseBritane iyawuchaphazela umsebenzi wamafama.

Image: iStock

Athandazela imvula imihla ngemihla amafama aseBritane emva kokuba ela lizwe lombethwe yimbalela ebangele ukuba umhlaba wezolimo kwela lizwe uxwebe ungathwali siqhamo.

Imvula eqikelelwa kumashumi asibhozo eemililitha enethe kwela lizwe kwisithuba seenyanga ezintathu ezigqithileyo ayenzanga mahluko.

Kumhlaba oziihektare ezingamakhulu amane, umfama uLuke Abblitt uthi izityalo zakhe zisengxakini ngenxa yokunqongophala kwemvula nangona enkcenkceshela.

"Ndilime iswekile kwakunye neetapile kumhlaba omkhulu kakhulu, ukunqaba kwemvula kundifaka engxakini enkulu, izityalo zinxanelwe imvula yendalo ukuze zikwazi ukuqhubela phambili nokukhula," kutsho uAbblitt. 

Amazwe amaninzi kwihlabathi axakene nemozulu eguqukayo ebangela ukuba kube nzima kumafama ukwenza umsebenzi wawo ngempumelelo.

"Izityalo zam zincinci ngenxa yokulibaziseka ukukhula, bekumele ukuba ngoku sele zifike kwiqondo lokugqibela lokukhula kwazo, imbalela isibangela ukuba sichithe imali sisenza amanye amacebo okugcina izityalo ziphilile," kutsho uAbblitt.

Iarhente ejongene nokulondolozwa kwendalo nezolimo kwilizwe laseBritane ithi umyinge wamanzi kumadama wabo uphantsi ngolona hlobo lungazange lubonwe.

Kuthwa amadama aphambili ancedisa amafama ukuba ankcenkceshele afikelele kowona myinge wakhe waphantsi.

Iinzame eziquka izichumiso emasimini zidinga ubukho bamanzi aneleyo ukuze zikwazi ukuvelisa ngokulindelekileyo.