Umfama uTebello Tshabalala.
Image: Facebook
Ayikho imfuneko yokuba umntu aqeshwe xa enawo umbono wokuphila ngokulima nokufuya, koko abantu balityaziswa kukoyika ukuqala.
Umfama uTebello Tshabalala waseFochville eRhawutini, ungumzekelo wokwenza izinto zenzeke ngokudibanisa ukulima nokufuya kutsho kungene imali.
"Ndivelisa iihagu, iinyosi, ubisi lwebhokhwe kumhlaba oziihektare ezingamashumi asibhozo anesihlanu," uqhayise watsho uTshabalala.
Uthi lo mhlaba wawufumana ngoncedo lweSebe lezoLimo kwiphondo laseRhawutini emva kokuba wayefake isicelo.
UTshabalala nemveliso yakhe.
Image: Facebook
"Lo mhlaba ndikuwo ngoku ndawufumana emva kokuba ndaqala ukusebenza kumhlatyana oyihektare enye kuphela eRandfontein ngonyaka ka2020," ucacise watsho uTshabalala.
UTshabalala ungumzekelo omhle wabantu abatsha abangachithi ixesha bekhangela imisebenzi engekhoyo koko uqalisa ukwenza ngezinto ezikhoyo phambi kwakhe.
"Andizange ndiyicinge into yokuba iinzame zam zokulima nokufuya zingandibeka kweli zinga ndikuyo ngoku, ndaqala ngokuguqula ubisi lwebhokhwe libe zizithako zokuthambisa, ezinye izinto ziye zalandela emva koko," uqhayise watsho uTshabalala.
UTshabalala exakekile ngumsebenzi wakhe.
Image: Facebook
Uthi ukwenza uphando banzi ngezolimo kumenze wayithanda nangakumbi ezolimo, ukubona oku njengenkuthazo ephambili.
"Kubantu abatsha ndingathi makuyiwe phambili singanikezeli, masingcolise izandla zethu sonke sisebenze ukuze sikhangele iziphumo zokusebenza nzima kwethu," ukhuthaze ngelo uTshabalala. Ukwakhuthaza ulutsha ukuba lusebenze lungajonganga nzuzo ukuze baqatshelwe logama bezifumanela amava ngezinto ezahlukeneyo empilweni.