Entsimini

iARC ibonisa iimveliso zayo zokutya eNampo

Siyabulela Mqikela|Published

Iimveliso zeARC.

Image: ARC

Ibhunga elijongene nophando ngemicimbi yezolimo kweli iAgricultural Research Council (ARC) ibonisa iimveliso zalo zokutya kumbonisa wamafama iNampo eBothaville eFreyistata. 

Eli bhunga laziwa kakhulu ngokwenza uphando ngemicimbi yezolimo jikelele kweli loMzantsi Afrika nakumazwe angabamelwana beli. Kodwa ngoku iARC iqalise ukuvelisa ukutya okuquka iimveliso zobisi, ezeziqhamo namachiza okunyanga izilwanyana nezityalo ngokunjalo. 

Oku kwenza ukuba iARC yenze igalelo elicacileyo ukulwa ingxaki yendlala incedisana namanye amaphulo karhulumente nabezoshishino. Amaziko ophando eARC kuzwelonke akwiphulo lokusebenza nzima ukuqinisa iinzame zabo zokuvelisa ukutya ngeenjongo zokunabisa umsebenzi wabo wophando ngezolimo.

Kwingxelo yabo ebhaliweyo, bamemelele abo bazimase umboniso wamafama eNampo eBothaville eFreyistata ukuba beze kubona iimveliso zabo.

"Siyabamema abantu, amafama, abezoshishino naye wonke ubani okhoyo apha eNampo ukuba eze kwindawo esikuyo apha azekungcamla isonka, ijam, isonka samasi, yogathi nomqwayito weziqhamo nezinye izinto," itsho ingxelo yeARC.

UMongameli weli uCyril Ramaphosa uboniwe ejikeleza kulo mboniso ngelizama ukuba yinxalenye yamafama noosomashishini beli. Injongo ephambili yokulima nokufuya kukuba kufuneka kuveliswe ukutya ukuze kutyiwe ngosuku olulandelayo.