Entsimini

Umfama uZoleka Dikana uvunile

Siyabulela Mqikela|Published

Uvunile umfama uZoleka Dikani.

Image: Facebook

UZoleka Dikana ngumfama wemifuno eCofimvaba, eMpuma Koloni, nothi athengisele iivenkile eziphambili iimveliso zakhe zolimo.

UDikana ngumnikazi wenkampani evelisa ukutya ngokulima ebizwa ngokuba yiAruzabiz PTY LTD nethe yaxhamla kuncedo labakwaEastern Cape Rural Development Agency (ECRDA).

"Esi sesona sivuno sakhe sasihle, sivelise imveliso ekudidi oluphezulu, emalikeni iqhuba kakuhle kakhulu, inkcitho yethu nayo ibiphantsi kakhulu kuneminye iminyaka," uhambise watsho uDikana. 

Ukuveliswa kwemifuno eyaneleyo kwenza ukuba ixabiso ethengiswa ngayo ibe lelifikelelekayo ukuze wonke ubani akwazi ukuthenga ngaphandle kwengxaki.

Umfama uZoleka Dikani.

Image: Facebook

"Ndithengisela iivenkile eziquka uBoxer Superstores, Spargs, Spar, Umfundisi Fruiterers, uMabovula kwakunye neBuffalo City Market eMonti," uqhayise watsho uDikana.

Intengiso yeemveliso zolimo zikaDikana ikwaxhanyulwa nangamashishini amancinci emifuno kwiidolophu eziquka iKomani kwakunye neCofimvaba.

"Kuyasivuyisa kakhulu ukubona amacandelo karhulumente afana noECRDA engenelela ukuzama ukukhulisa amafama amancinci afana nathi," kutsho uDikana.

Ukukhula kwamafama avelisa ukutya kunefuthe ekukhuleni kwemeko yezoqoqosho ngokubanzi. 

Ezolimo zingenisa umyinge weepesenti ezintathu kuphela ekhulwini kwingxowa mali kazwelonke, kwaye oku kungatshintsha kuphela ngenxa yeenzame zamafama aquka uDikana.

UDikana ngumlimi wemifuno equka ikhaphetshu kwakunye nespinatshi, kwaye zimqhuba kakuhle kakhulu ukusukela oko wathi waqala ukuzilima kumhlaba wakhe.

UZoleka Dikana nemveliso yakhe.

Image: Facebook