Entsimini

Tyala ikhaphetshu ngempumelelo ebusika

Siyabulela Mqikela|Published

Tyala ikhaphetshu ngempumelelo ebusika mfama.

Image: Facebook

Amafama amaninzi ayathandabuza ukutyala ikhaphetshu nezinye izityalo ebusika, oku kungenxa yeengxaki eziliqela eziquka iingqele nokunqaba kwamanzi emvula. 

Nazi ezinye iindlela onokuthi ujongane nazo iingxaki ezibangelwa kukulibaziseka kwezityalo zakho ebusika, ingakumbi ikhaphetshu. Ikhaphetshu alidingi manzi maninzi ebusika kunaxa ulityale ehlotyeni kuba amaqondo aphantsi ngoko liyawagcina amanzi. 

Kodwa kubalulekile ukuba uhlale usenza iinzame zokuqinisekisa ukuba izithole zakho zifumile okanye zimanzi maxesha onke.

Umyinge wamanzi kwikhaphetshu lakho ebusika uxhomekeka kwizinto ezininzi eziquka uhlobo lomhlaba nemo yemozulu otyale kuyo kulo ndawo ukuyo. Isityalo sekhaphetshu esinye sidinga umyinge wamanzi okumakhulu amabini namashumi amahlanu eemililitha okanye amakhulu amahlanu emililitha ngeveki. 

Oku kuxhomekeka kwiimeko ezahlukeneyo eziquka umhlaba, ubukho bemvula kwakunye nezinye iimeko zemozulu ezahlukeneyo.

Umfama uyakhuthazwa ukuba ahlale ejonga ukufuma komhlaba rhoqo emva kweentsuku ezimbini ukuze aqinisekise ukuba akukho mfuneko yokunkcenkceshela. Injongo kukugcina umhlaba ufumile maxesha onke, kodwa amanzi akho angabi ngumyinge ogqithisileyo. Amanzi agqithisileyo abangela ukubola nezinye iingxaki kwikhaphetshu.

Ukugquma lo mhlaba usecaleni kwezityalo zakho zekhaphetshu ngengca kungancedisa ukugcina ukufuma kwakunye nobushushu bomhlaba wakho. Oku kuncedisa ukuba ikhaphetshu lakho likhule ngokukhawuleza likhuselekile.