URicardo Setshego ngumfama weebhokhwe kwakunye neenkukhu eBotswana.
Image: Facebook
URicardo Setshego ngumfama osakhulayo wasePalapye eBotswana ovelisa iibhokhwe ezinentloko ebomvu kwakunye neendidi zeenkukhu kwifama yakhe iRhema Frontier.
"Ndiqalise ukulima nokufuya ngonyaka ka2015, oku ndikwenza kumhlaba oziihektare ezilishumi elinesihlanu, ndiyakuthanda ukulima nokufuya kwaye ndifuna ukuba ngusozigidigidi ngezolimo," kutsho uSetshego.
Kwiindidi zeenkukhu eziveliswa nguSetshego, kukho iinkukhu zohlobo lweSussex kwakunye neOrpington ezinqabileyo kwamanye amafama eenkukhu.
Iibhokhwe zikaRicardo Setshego.
Image: Facebook
"Ingcebiso yam kumafama asakhulayo ithi, musani ukucinga ngokushiya ngenxa yeengxaki, ingeniso yezolimo ayilulanga, kufuneka uzimisele usebenze, kwaba bacinga ukuyeka ngenxa yeengxaki ndiyacela ninyamezele niqhubeke," ubongoze watsho uSetshego.
Iibhokhwe ezinentloko ebomvu zezinye eziphambili kwiindidi zeebhokhwe ezithengiswa ngamafama asakhulayo ngenxa yengeniso nokomelela kwazo.
Ezi bhokhwe zanda msinyane nanjengoko zizala amawele kwaye kunqabile ukuba amatakane azo afe. "Ndithengisa iinkunzi zebhokhwe ezinentloko ebomvu, iinkukhu zohlobo lweSussex kwakunye neOrpington," kutsho uSetshego.
Uthi uneenjongo zokukhulisa umhlambi wakhe weebhokhwe, kwaye ufuna ukuthengisa nezo zingamathokazi iibhokhwe.
Ukuqina kwamafama amnyama kumazwe akumazantsi weAfrika sisisombululo kwiingxaki ezijongene nalo mmandla. Ukunanisela ngeemveliso zolimo kumazwe akumazantsi weAfrika kungayilwa ingxaki yamaxabiso okutya aphezulu kwakunye nentswela ngqesho egqubayo.
Iinkukhu zikaRicardo Setshego.
Image: Facebook