Ilizwe laseChina lifuna ukonyusa umyinge weemveliso zeApile ezithunyelwa kwilizwe labo zisuka eMzantsi Afrika.
Image: iStock
Unozakuzaku welizwe laseChina kweli, uWu Peng, udize ukuba ubambe indibano ethe yazala amaduna namathokazi kunye noMongameli weCitrus Growers' Association, uGqirha Boitshoko Ntshabele, noMphathi weFruit South Africa, uFhumulani Ratshitanga.
Kule ntlanganiso, ilizwe laseChina, ngomlomo kaWu Peng, livakalise ukuba linomdla wokwandisa umyinge weApile leli elithunyelwa kwilizwe laseChina.
"Kula maxesha anzima kanje kumele ukuba siqinisekise ukuba ngenene siyawaqinisa amaqhina ozakuzelwano nelizwe loMzantsi Afrika, ngoko ke sifuna ukunyusa umyinge weApile esilithenga kweli loMzantsi Afrika silithumele eChina," kutsho uWu Peng.
Uthi ilizwe laseChina linemarike enkulu kakhulu yezolimo apho ilizwe loMzantsi Afrika linokuthengisa ngokwaneleyo.
ISebe lezoLimo kuzwelonke likuqhwabele izandla ukuzibophelela kwelizwe laseChina kwelokuba liza kuthenga iimveliso zeApile ngamandla kweli. UWandile Sihlobo wakwaAgbiz uthi ilizwe loMzantsi Afrika kumele ukuba lizithathele ingqalelo iintetho ezenziwe ngunozakuzaku waseChina kweli uWu Peng.
"Iintetho ezinje ngezi zonozakuzaku waseChina uWu Peng kumele ukuba zithathelwe ingqalelo, kuba lo ngumceli mngeni ocacileyo kwilizwe loMzantsi Afrika nezolimo ngokubanzi," kutsho uSihlobo.
USihlobo uthi ilizwe laseChina lihamba phambili ngokuthenga iimveliso zolimo zamanye amazwe kwihlabathi, ngoko kumele ukuba linikwe ingqwalasela.
UIzaak Breitenbach weSouth African Poultry Association ulincomile eli nyathelo esithi lithuba elihle eli kuMzantsi Afrika. "Eli lithuba elihle kumafama oMzantsi Afrika, kwimeko yezoqoqosho nakwiinzame zokudala amathuba emisebenzi kweli nokukhulisa uqoqosho kananjalo," kutsho uBreitenbach.