Kulindeleke iinqwelo-ntaka ezingamakhulu amabini eNampo, eBothaville, eFreyistata.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Owona mboniso wezolimo mkhulu eAfrika, iNampo, eBothaville, eFreyistata, kulindeleke ukuba utsale umdla wamafama, izifundiswa zolimo nabezoshishino abaza kungena ngeenqwelo-ntaka eziqikelelwa kumakhulu amabini.
Oku kungenxa yokuba iindlela ezingena kumabala aseBothaville ziza kuba zixakeke ngolona hlobo olunokulibazisa ukungena kwamafama ukuze abeyinxalenye yalo mboniso.
Angaphezu kwewaka amafama athi asebenzise ithuba lokungena ngokubhabha ngeenqwelo-ntaka ukubaleka ingxinano kulo mboniso.
Ngabantu abangaphezu kwamashumi asibhozo amawaka ekulindeleke ukuba bathathe inxaxheba ngeendlela ezahlukeneyo kulo mboniso wamafama waseNampo.
Iinkampani zoomatshini bokulima, ukuvuna, ukulungiswa komhlaba nezinye ziza kusebenzisa eli thuba ukubonisa iimveliso zazo.
Amafama woMzantsi Afrika akwasebenzise eli thuba ukuthengisa esidlangalaleni iimveliso zawo ngelizama ukwenza imali. Iinkampani ezahlukeneyo zihlawula amagunjana okubonisa iimveliso zazo kwabo bantu baza kuba besihla benyuka apho eNampo.
UCliff Lotter unikwe uxanduva lokujongana kanye namafama aza kuba efika ngeenqwelo-ntaka zawo ukuza kulo mboniso.
"Akukho mfuneko yokuba amafama afake isicelo sokuchopha phambi kwexesha, aza kuthi xa ekufutshane ukuba achophe asazise ukuze sibanike indawo yokuchophisa iinqwelo-ntaka zabo, uninzi lwabo luyayazi loo nkqubo," kutsho uLotter.
Uthi amaxesha okuchopha kweenqwelo-ntaka aza kuqala ngecala emva kwentsimbi yesithandathu ukuya ngentsimbi yeshumi elinanye, ukuze abafuna ukugoduka bavumeleke ukuba banduluke ukusukela ngentsimbi yesithathu emva kwemini.
UMphathiswa weSebe lezolimo kuzwelonke, uJohn Steenhuisen, sele eqinisekisile ukuba uza kuba yinxalenye yalo mboniso wezolimo mkhulu kangaka ehlabathini.
Iinkampani ezivelisa oogandaganda eziquka iJohn Deere, Landini, Steyr, Massey Ferguson nezinye ziza kunikwa ithuba lokuba zibonise izixhobo ezitsha zokuvuna nanjengoko kuza kuvunwa umhlaba omkhulu kakhulu.
Ziimveliso zolimo ezixabisa ngaphezu kwebhiliyoni yeerandi ekulindeleke ukuba ziboniswe esidlangalaleni eNampo kulo nyaka.