Umfama uTsholofelo Mokwele ngumlimi nomfuyi.
Image: Facebook
Ukungafumaneki kwesikhokelo esisiso kubantwana besikolo kubangela ukuba bathathe izigqibo ezingezizo ngemfundo kwakunye nekamva labo.
Bambi uthi engumfama ngendalo yakhe angafumani mfundiso nankuthazo ukuba alandele ikhondo lakhe, koko ahambe nesininzi.
UTsholofelo Mokwele waseRietfontein ufunde izifundo zombane, kodwa ngenxa yobizo lwakhe kwezolimo ujike wangumfama.
Umfama uTsholofelo Mokwele ngumlimi nomfuyi.
Image: Facebook
"Ndiqale ukusebenza njengomfama ekuqaleni konyaka ka2020 emva kokuba ndayeka umsebenzi wam wokwenza umbane, iyinto endiyifundeleyo," kutsho uMokwele. Emva kokushiya kwakhe umsebenzi wokwenza umbane uTsholofelo Mokwele waqalisa izifundo zolimo kwikholeji iBuhle Farming Academy.
"Ndafika khona ndafunda izifundo zenzululwazi yokukhathalela izilwanyana, kwangeli xesha linye ndafumana ithuba lokuhambela iifama ezininzi kakhulu," kucacisa uMokwele.
Uthi ukuhambela kwakhe iifama ezahlukeneyo kwiphondo laseRhawutini kwamnika umfanekiso ngqondweni onguwo ngokuqhubeka kwezolimo.
"Oku kwandisa ngamandla ulwazi lwam kwezolimo, kwatsho kwatshintsha neendlela ebendibona ngayo izinto, ndakhula ngolwazi nomdla wam wenyuka kwezolimo," kutsho uMokwele.
Iimveliso zakhe ziquka ukufuya kwakunye nokulima iindidi ezahlukeneyo zemifuno athi azithengise kwiindawo ezahlukeneyo. "Ndifuye iinkomo, iibhokhwe, iinkukhu, iihagu kwaye ndikwavelisa imifuno endithi ndiyithengise kwiimalike zemifuno apha eTshwane nakuluntu ngokubanzi," uqhayise watsho uMokwele.
Umfama uTsholofelo Mokwele ngumlimi nomfuyi.
Image: Facebook