Amaxesha amaninzi amafama ayabulaleka ekhangela iindlela zokutyebisa umhlaba wawo kuba umhlaba uhlaselwa zizinto ezininzi kule mihla. Oku kwenza ukuba amafama adleke ethenga izichumiso ezixabisayo nezinye izinto ezibangela ukuchitha imali.
Nali ithuba lokuba umfama afunde indlela yokwenza isichumiso somhlaba wakhe ngesichumiso esingamanzi. Ngenxa yokungazi, amafama ayazilahla azitshise izinto ekumele ukuba zisetyenziswa ukwenza izichumiso zomhlaba.
- Qokelela ingca emva kokuba isikiwe nazo zonke izinto ezinokuba yinxalenye yendibanisela yokwenza esi sichumiso. Amagqabi emithi, iinkuni ezibolileyo, inkunkuma yasegadini, iindiza nako konke okuhambelana nokwenza isichumiso. Eza zinto zikerwa ngoomama ekhitshini eziquka, amaxolo wetapile, amathanga, umxoxozi nezinye ziyasebenza nazo kule ndibanisela.
- Khangela umgqomo onokufaka kuwo yonke le ndibanisela, galela yonke le nto ide ifike kwisiqingatha sokuzala kwalo mgqomo wakho. Ubungakanani bomgqomo wakho buza kuxhomekeka kumyinge wesichumiso ojonge ukuzenzela sona, kwakunye nomyinge wenkunkuma onayo efama yakho.
- Galela amanzi kulo mgqomo unale ndibanisela, galele ude uwugcwalise ukuba uyakwazi. Isiqingatha salo mgqomo sisishiyele loo nto. Amanzi emvula asoloko ebalulekile ukwenza oku, kodwa ke namanzi wetepu ungawasebenzisa nawo. Wunike ixesha elingangosuku udibanisa lo mxube ukuze izithako ezifana neklorini zifumane ithuba lokubila.
- Vala lo mgqomo ukuze ufumane ithuba lokubila uvaliwe, oku kubila kwale ndibanisela kubalulekile ukuze ufumane isichumiso esingamanzi ezigqibeleleyo. Zamisa umxube wakho rhoqo emva kweentsuku ezimbalwa ukuze ufumane ithuba lokubila umxube wakho.
Xa ulungile lo mxube uza kuva ngevumba elifana nelo lomhlaba, oko kuza kuthetha ukuba umxube wakho ulungele ukusetyenziswa.
- Xa uqikelela ukuba igqibile ukubila indibanisela yakho, ungaqalisa ukusefa ukhethe amakhuni nezinye izinto ongazifuniyo kumxube wakho.
- Phambi kokuba umsebenzise lo mxube ukutyebisa izityalo zakho, kufuneka ukuba uqale uwugalele amanzi ukuphungula izinga lokutshisa, zingatshi izityalo zakho mfama.
Esi sichumiso sisebenza ngamandla kwizityalo zakho eziquka itumato, logama ikwancedisa ukunqanda ukungcola eyadini yakho mfama. Uninzi lwezityalo eziyimifuno ziyakuthanda ukunkcenkceshelwa ngalo mxube.