Entsimini

'Intswela ngqesho yandikhuthaza ukuba ndilime'

Siyabulela Mqikela|Published

URethabile Kou nemfuyo yakhe.

Image: Facebook

URethabile Kou ngumfama weegusha okwangumlimi wombona obomvu okhuthazwe yintswela ngqesho ukuba aqalise ukulima nokufuya.

"Utata wam kwakunye nokuswela umsebenzi kwandinyanzelisa ukuba ndizibone ndingumfuyi ndikwanguye nomlimi, inkampani yam ndayithiya igama lokuba yiThabile's Farm Enterprise," ucacise watsho uKou. 

Kumhlaba ongamashumi amabini eehektare uKou wenza into ayithanda ngenene ukulima nokufuya.

"Ukukhula kwam utata wayekuthanda kakhulu ukulima nokufuya, kodwa kamva uye watshintshela kwishishini lokwakha, ngoko ke udlale indima enkulu ukundifundisa nokundikhuthaza kwezolimo," kutsho uKou.

Uthi uqalise lo msebenzi enoxanduva lokubonisa utata wakhe ukuba ngenene angakwazi ukuba ngumlimi nomfuyi ophume izandla.

Umbona kaRethabile Kou.

Image: Facebook

"Utata wayendithandabuza ukuba ndingakwazi ukuba ngumlimi nomfuyi ophumeleleyo, oko kwenza ukuba ndiqalise lo msebenzi ndinoxanduva lokubonisa utata ukuba ngenene ndingayenza le nto," uqhayise watsho uKou.

Ukuqalisa kwakhe ukufuya uKou wayeneegusha ezilishumi elinesine kuphela. "Ukuqala kwam andizange ndiphinde ndijonge emva, nangona bezikho iingxaki ezininzi ebezisenza ukuba ubenzima umsebenzi wam wokulima nokufuya," kutsho uKou. 

Uthi kuhambo lwakhe ukhinkxekile wawa kodwa ekugqibeleni ebevuka aphathelele kwakho ejonge empumelelweni. "Andizisoli kona ngokuzama okanye ukuqala ukulima kuba ndiyakhula kwaye ndiyaphucuka kumsebenzi wam imihla ngemihla," kutsho uKou.

Uhambisa athi uzimisele ukuqhubela phambili ukulima nokufuya ngeenjongo zokunceda iimpilo zoluntu ngokubanzi.