Iinciniba zomfama uKabelo Lekalakala waseBrits ePitoli.
Image: Facebook
Kula maxesha anzima kanje kumele ukuba umfama akhangele iindlela ezizezinye okanye ezininzi zokwenza imali ukuze akwazi ukukhulisa ingeniso yakhe.
Maxa wambi amafama ajonga kwicala elinye lokulima nokufuya kwaye oko kwenza ilahleko emandla xa kuthe kwenzeka ingxaki.
Ukukhangela iindlela zokulima nokufuya ezilula ezinengeniso kubalulekile kula maxesha wemozulu eguqukayo ekhatshwa zezinye iingxaki. Umfama waseBrits, uKabelo Lekalakala ngumsunguli weshishini elenza iimveliso zenciniba.
"Ndiqale ukuvelisa iinciniba ngonyaka ka2022, kwaye ibikho imiceli mngeni, ukungazithembi nezinye izinto ebezithintela ukwenza kwam, kodwa ndaqhubeka ndingathandabuzi," kutsho uLekalakala.
Umfama weenciniba uKabelo Lekalakala waseBrits ePitoli.
Image: Facebook
Amafama amatsha kule mihla athe gqolo ukubonisa umdla kwiindlela ezintsha zokulima nokufuya okwenza ukuba kube ngumahluko ukusebenza kwawo kunamafama angaphambili.
Inciniba yenye yeentaka ezinkulu ngomzimba, emelana neemeko ezahlukileyo zemozulu, logama inenkcitho encinci ukuyikhulisa. Amaxesha amaninzi le ntaka iphila ngokutya izinto zendalo nangona amafama aphuhlileyo ezixhamla ngokuyondla ngezinto ezithile.
"Incinci kakhulu imali oyichitha ukuphilisa nokukhulisa inciniba kuba amaxesha amaninzi iyaziphilela ngaphandle kwengxaki, kodwa ke kumele ukuba nawe uzikhathalele njengomnikazi wazo," kutsho uLekalakala.
Iinciniba zomfama uKabelo Lekalakala waseBrits ePitoli.
Image: Facebook
Ngenxa yokusebenza nzima kukaLekalakala, uyakwazi ukuthengisa iimveliso zakhe kumashishini aphambili kwingingqi yasePitoli. "Ndithengisela amashishini afana noBoxer, iindawo ezithengisa inyama, noluntu ngokubanzi, okona kuphambili kukuthengisa inyama, amaqanda kwakunye nomqwayito wenyama yenciniba," kutsho uLekalakala.
Iphondo leMpuma Koloni linomhlaba ohambela kakuhle nokufuywa kweenciniba ngenxa yokuba womile, unengqele nokufudumala okuhambelana nempilo yale ntaka.